INKONZO YOBUPOLISA EMZANTSI AFRIKA
ISAHLUKO 2
UKUBAMBA
Isahluko 2 iphepha 1
IZIQULATHO
UKUBAMBA
Uyilo lwesifundo
Iinjongo
Yintoni injongo yokubamba?
Ubanjwa njani umntu
Amalungelo omntu obanjiweyo
Ukuncitshiswa kwamalungelo omntu obanjiweyo
Ukusetyenziswa kwamandla ngexesha kubanjwa
Imithetho ngokusetyenziswa kwamandla ngexesha kubanjwa
Izinto ekufanelwe ziqatshelwe xa kusetyenziswa amandla ngexesha kubanjwa
Emveni kokuba kusetyenziswe amandla inkundla ingaphonononga imiba emine
Amagosa asebupoliseni angamdubula nini umrhanelwa obalekayo?
Ukusetyenziswa kwamandla ukuphengulula umntu obanjiweyo
Isishwankathelo / Imibuzo
Izilayidi
Isibhengezo esibhaliweyo ngamalungelo abantu ababanjiweyo
Amaxwebhu anemvelaphi yolwazi kunye nezinye ekucetyiswa ukuba zifundwe
UHLELO LOKUQALA LAMALUNGELO OLUNTU NOBUPOLISA
Isahluko 2 iphepha 2
UKUBAMBA
UYILO LWESIFUNDO
ISIQULATHO IZINTO ZOKWENZA IXESHA
Iinjongo Umsebenzi 2.1: Funda iinjongo 2 imizuzu
Yintoni injongo yokubamba? Umsebenzi 2.2: Amaqela aququzelayo 10 imizuzu
Ubanjwa njani umntu Umsebenzi 2.3: Ingxoxo 45 imizuzu
Amalungelo omntu obanjiweyo
Ukuncitshiswa kwamalungelo Umsebenzi 2.4: Igxoxo 20 imizuzu omntu obanjiweyo
Ukusetyenziswa kwamandla Umsebenzi 2.5 : Amaqela 15 imizuzu ngexesha kubanjwa aququzelayo
Imithetho ngokusetyenziswa Umsebenzi 2.6: Ingxoxo 10 imizuzu kwamandla ngexesha kubanjwa
Izinto ekufanelwe ziqatshelwe xa kusetyenziswa amandla ngexesha kubanjwa
Emveni kokuba kusetyenziswe amandla inkundla ingaphonononga imiba emine
Amagosa asebupoliseni Umsebenzi 2.7: Ingxoxo 15 Imizuzu angamdubula nini umrhanelwa obalekayo?
Ukusetyenziswa kwamandla ukuphengulula umntu obanjiweyo
Isishwankathelo / Imibuzo Umsebenzi 2.9:Imibuzo/ 3 Imizuzu
Ingxoxo
Isahluko 2 iphepha 3
IINJONGO
Emva kokuba umfundi egqibe esi sahluko kufuneka abonise ukuqonda kwanokuhlonipha ?
Amalungelo enkululeko nokhuseleko lomntu
Amalungelo omntu obanjiweyo ngoko Mgaqo-Sisekelo
Nesizathu esamkelekileyo sokusetyenziswa kwamandla xa kubanjwa
Ngokwamaqela engxoxo kunye namanye amaqela
YINTONI INJONGO YOKUBAMBA?
Ukubamba yindlela esemthethweni yokuqinisekisa ubukho bommangalelwa enkundleni yamatyala. Umntu obanjiweyo uthatyathwa njengomsulwa de afunyaniswe enetyala. Ngenxa yeso sizathu wonke umntu obanjiweyo ufanele ukuba aphathwe ngobuntu nangokusemthethweni.
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Kukho amaxwebhu ezibhengezo afumanekayo ngokunxulumene namalungelo omntu obanjiweyo. La maxwebhu ezibhengezo kufanele axhonywe eludongeni phambi kokuba iseshini iqale.
Umsebenzi 2.1
imizuzu
Indawo yokuqwalaselwa
Umhlathi 2.1
Iinjongo
Imbangi yokwenza lo msebenzi kukubonelela ngenjongo yale seshini
Inqaku lo mntu onikeza isifundo
Funda iinjongo ufundele abafundi
Babuze okokuba bayaziqonda na iinjongo
Cacisa okokuba kukho imfuneko
Isahluko 2 iphepha 4
Khumbula okokuba icandelo 38 lomThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho ibonelela ngeendlela ezingeneno zokuthintela kunokubamba ngenjongo yokuqinisekisa ubukho enkundleni yamatyala. Ezindlela zifanele ukucingwa phambi kokubhenela ekubambeni ngoba icandelo 36 lo Mgaqo-Sisekelo uthi ubani ufanele kukuphonononga iindlela ezinganeno zokuthintela ukuphumeza injongo (umzekelo: ukuqinisekisa ubukho bomntu enkundleni) Ukubamba kufanele ukusetyenziswa njengecebo lokugqibela
Icandelo 38 lomThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho
Iindlela zokuqinisekisa ubukho bommangalelwa enkundleni kwityala lakhe:
Ukubamba
Isamani
Isaziso esibhaliweyo
Ukubamba asiyondlela yokususa umntu okwexeshana eluntwini ngenjongo yokuphelisa ubundlobongela kuloo mmandla kwaye ingeyiyo indlela yokohlwaya
UBANJWA NJANI UMNTU
Umntu angabanjwa nokuba isiqinisekiso selungelo lokumbamba sikhona okanye asikho. Khumbula okokuba kusoloko kulungile ukufumana isiqinisekiso selungelo lokubamba. Oku kunceda ekubeni kukhusele amapolisa kumabango oluntu kwaye kuqinisekise ukuba ukubamba nobungqina obunokulandela kusemthethweni. Isiqinisekiso selungelo lokubamba singafumaneka kwamantyi okanye kwinkundla yobulungisa noxolo, equka igosa eligunyazisiweyo lamapolisa elinesikhundla sobukapteni nangaphezulu.
Zininzi iimeko ezingenza umntu abanjwe ngaphandle kwesiqinisekiso selungelo lokubamba. Ezinye zezimeko zichazwa kwicandelo 40 le CPA. Khumbula okokuba kukho olunye uwiso-mithetho olubonelela ngokubamba ngaphandle kwesiqinisekiso selungelo lokubamba, umzekelo 40 we CPA.
Umsebenzi 2.2
imizuzu
Indawo yokuqwalaselwa
Iinjongo
Injongo yalo msebenzi kukubamba ingxoxo malunga nonobangela wokubamba kwanezinye iindlela zokuqinisekisa ubukho enkundleni.
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Cela abafundi baqhube ingxoxo ngale mibuzo mibini ilandelayo bekumaqela angamabini (amaqela aququzelayo) (5 imizuzu )
Sebenzisa isilayidi: Umsebenzi 2.2
Yintoni injongo yokubamba?
Kuthetha ukuthini ukucingela ngokungenatyala?
Ziziphi ezinye iindlela ezikhoyo ngaphandle kokubamba ukuqinisekisa ubukho enkundleni?
Cela abafundi banikeze iimpendulo. Qhuba ingxoxo uze ushwankathele (5 imizuzu )
Izinto ongazisebenzisa ngexesha lokushwankathela
Incwadi yokusebenza yamalungelo oluntu kunye neyomsebenzi wobupolisa, amaphepha 27-29
UmThetho wetyala
Ukucingela ngokungenatyala kuhambisana nelungelo lokuzibeka ityala kunye nelungelo lokuthi cwaka.
Ummangalelwa akamelanga ukunceda umbuso ukuba uphumelele kwityala lawo. Okokuba umbuso umangalela umntu, umbuso kufanele unikeze ubungqina obungathandabuzekiyo bokuba lo mntu unetyala.
Isahluko 2 iphepha 5
Indlela yokubamba umntu ichazwe kwicandelo 39 le CPA. Ingashwankathelwa ngoluhlobo lulandelayo:
Umntu angabanjwa ngesiqinisekiso selungelo lokubamba (icandelo 43 le CPA) okanye ngaphandle kwesiqinisekiso selungelo lokubamba (icandelo 40 le CPA)
Okokuba umntu ululamela ukubanjwa akukho sidingo sokumphatha
Okokuba umntu akakululameli ukubanjwa kufanele kusetyenziswe umlinganiselo ofanelekileyo wamandla (awona mandla mancinane) okumbamba
Umntu obambayo kufanele ngoko nangoko emva kokubamba, azise lo mntu ambambayo ngesizathu sokubanjwa kwakhe
Okokuba umntu ubanjwa ngesiqinisekiso selungelo lokubamba, ufanele ukuba afumane ikopi xa eyicela
Khumbula
Lowo ubanjiweyo ufanele ukwaziswa ngokukhawuleza (ngokukhawuleza okufanelekileyo phantsi kwemeko) ngamalungelo aqinisekisiweyo kwicandelo 35 no lomGaqo-siseko. Igosa lepolisa lifanele ukwazisa kwaye licacise onke amalungelo kulo mntu ubanjiweyo kwaye liqinisekise okokuba uyawaqonda ngokwecandelo 35 lo Mgaqo-Sisekelo.
Umsebenzi 2.3
imizuzu
Indawo yokuqwalaselwa
Iinjongo
Injongo yalo msebenzi kukwenza amagosa obupolisa acinge ngamalungelo abantu ababanjiweyo noxanduva lwabo bona mapolisa kwanoxanduva lwabo babanjiweyo.
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Intshayelelo:2 imizuzu
Yahlula abafundi babe ngamaqela amancinane, iqela ngalinye lingadluli kumalungu amahlanu, ucele amaqela ukuba aqhube ingxoxo ngale mibuzo ilandelayo:
Sebenzisa isilayidi:Umsebenzi 2.3
Yiyiphi indlela elungileyo yokubamba umntu?
Ngawaphi amalungelo noxanduva lomntu obanjiweyo?
Luluphi uxanduva lwamapolisa ngexesha ebamba
Ziintoni izinto ekufuneka ipolisa lixelele umntu obanjiweyo ngazo ngelilixa limbamba?
Cela amaqela azibhale phantsi iimpendulo. 10 imizuzu
Fumana iimpendulo kwiqela ngalinye ngemicimbi eyahlukeneyo. Cela iqela ngalinye ukuba linikeze impendulo enye uze udlulele kwelinye iqela ude ufumane zonke iimpendulo. 15 Imizuzu
Xoxa ngamalungelo, khokela ingxoxo ephangaleleyo uze ushwankathele. 13 imizuzu
Izinto onokuzisebenzisa xa ushwankathela
Icandelo 35 kumGaqo-siseko
Incwadi yokusebenza yamalungelo oluntu kwanobupolisa, iphepha 29
Isikhokelo kumalungelo oluntu kunye noqeqesho lwamapolisa iphepha 18-21
Wena kunye nomGaqo-siseko iphepha 19
AMALUNGELO OMNTU OBANJIWEYO
Umntu obanjiweyo usoloko ethatyathwa njengomsulwa de kufunyaniswe ubungqina bokuba unetyala kwaye ufanele ukuba aphathwe ngendlela enesidima nokuhlonela, kucingelwa amalungelo enkululeko nokhuseleko lwakhe.
Ukubanjwa kuyawanciphisa kakhulu amalungelo oluntu. Ukubanjwa kunciphisa amalungelo azintlobo ngentlobo emntwini. Amanye amalungelo abalulekileyo athe ancitshiswa ngala:
Isahluko 2 iphepha 6
Isidima somntu (icandelo 10 kumGaqo-siseko)
Bonke abantu kufanele baphathwe ngentlonipho, ngesidima nangokuhlonela. Igosa lobupolisa akufanelekanga lithuke okanye lisebenzise intetho eyenyelisayo emntwini obanjiweyo, ngokuba oku kuyakususa isidima somntu. Xa igosa lobupolisa lingahloniphi isidima somntu, ukuphathwa kakubi kwamagunya kuye kwenzeke. Ukuziphatha kwegosa lobupolisa kuyakugwetywa ngokungathathi cala ngokuqulathwe kwicandelo 10 lomGaqo-siseko.
Inkululeko nokhuseleko lwabantu (icandelo 12 kumGaqo-siseko)
Amalungelo enkululeko nokhuseleko lomntu aquka ilungelo lobulungisa lomzimba nengqondo. (Loo nto ithethe ukuba umntu unolawulo lomzimba kwanengqondo yakhe) Ilungelo lokhuseleko ngokungahloneli ngokwasemzimbeni nasengqondweni kuquka ukuba akukho mntu ufanele ukubanjwa ngogonyamelo (kungekho sizathu sifanelekileyo, ngamanye amazwi apho ingagunyaziswanga ngumThetho we Palamente okanye ngumThetho ongabhalwanga) abanjwe nje ze aphengululwe, agocagocwe. Ngokoluvo olubanzi, inkululeko yomntu ibhekiselele kwilungelo lomntu lokuba akhuseleke kwizenzo zogonyamelo zombuso ezithi ngamanye amaxesha zingahloneli okanye zithintele ubulungisa bomzimba nengqondo yomntu.
Imizekelo yeempatho ezingenabuntu
Okomzimba:
Ukungaphumeleli ukubonelela ngamanzi okusela acocekileyo
Okwengqondo
Iindlela zokuphengulula ezingekho sesikweni
Amanqaku
Isahluko 2 iphepha 7
Ilungelo lenkululeko yokuhamba-hamba (icandelo 21 kumGaqo-siseko)
Icandelo 21 kumGaqo-siseko: Inkululeko yokuhamba-hamba nokuhlala 21
Wonke umntu unelungelo lenkululeko yokuhamba-hamba.
Nantsi imizekelo yamanye amalungelo angabekelwa umda. Kukhona namanye amalungelo angabekelwa imida ngenxa yokubanjwa, umzekelo icandelo 14 Ukuba ngasese, icandelo 18 unxulumano kunye namanye amalungelo angamanye athi abekelwe imida ngeendlela ngeendlela.
KHUMBULA
Umntu obanjiweyo kwangoko xa ebanjwa unamalungelo ngokwakwicandelo 35 , no kumGaqo-siseko.
INGXOXO NGAMALUNGELO ATHILE
Ukuhlala ethe cwaka
Ilungelo lokuhlala elithe cwaka linikeza ukhetho emntwini obanjiweyo lokuba athi cwaka (anganikezi inkcazo kwaye angaphenduli mibuzo) okanye anike inkcazelo okanye aphendule imibuzo. Ukuhlala ethe cwaka kukwathetha ukuba umntu akudingeki ukuba athethe nto ngolwaphulo-mthetho olubangwayo, kodwa kufuneka elinikezile igama nedilesi xa zicelwa ligosa loxolo (kukwaquka negosa lobupolisa) Icandelo 41 leCPA
Ukuze kwenziwe ukhetho olululo, umGaqo-siseko unyanzelisa igosa elibambayo ukuba lazise umntu obanjiweyo ngeziphumo zokungahlali ethe cwaka. Le nto ithethe ukuthi, ukuba umntu ugqiba ekubeni anike inkcazo, loo mntu kufanele alunyukiswe okokuba inkcazo leyo izakubhalwa phantsi kwaye ingasetyenziswa njengobungqina enkundleni yamatyala esemthethweni.
Amanqaku
UmThetho wetyala
Ukuvuma / Umxholo wobungqina
Ukuba ummangalelwa uthi ukuvuma kwakhe ityala wakwenza phantsi konyanzeliso, ukuthuthunjiswa, isoyikiso okanye isithembiso (ngamanye amazwi ngokungakhululekanga okanye ngokungazithandeli) akanyanzelekanga ukuba anike ubungqina bokuba akazange akwenze oku ekhululekile nangokuzithandela.
Umtshutshisi (kwanepolisa) kufuneka banike ubungqina bokuba ukuvunywa kwetyala okwenziwa kumantyi kwenziwa ngokukhululeka nangokuzithandela.
Isahluko 2 iphepha 8
Ukunganyanzelwa ukwamkela okanye ukuvuma ngokuchasene nentando yabo.
Akukho mntu ufanele ukwamkela okanye avume ngokuchasene nentando yakhe.Ukuba umntu uyanyanzeliswa nangayiphina indlela ukuba enze inkcazo, loo nkcazo ayisayi kwamkeleka (ayisayikuvunywa njengobungqina) enkundleni yamatyala. (icandelo 217 kunye no-219 A we CPA)
Ukwenza isicelo sebheyile
Ibheyile yindlela yokunciphisa amalungelo omntu enkululeko nokhuseleko (icandelo 12 kumGaqo-siseko). Ibheyile ikwayindlela eqinisekisa ukuba umntu uzakuma enkundleni yamatyala. Abarhanelwa bangakhululwa ngebheyile yamapolisa (kumatyala angenzimanga kakhulu) okanye bangenza isicelo sebheyile kumtshutshisi okanye enkundleni yamatyala.
INDIMA YOBULUNGISA
Umntu obanjiweyo unelungelo lokukhululwa eluvalelweni ukuba indima edlalwa bubulungisa iyavuma, oku kuxhomekeke kwingqiqo efanelekileyo (Icandelo 35 (f) kumGaqo-siseko). Ilungelo lokukhululwa eluvalelweni ngebheyile okanye ngaphandle kwayo, ngaphandle kokuba indima yobulungisa ifuna ngolunye uhlobo, iqhagamshelana ngokusondeleleneyo kakhulu nelungelo lenkululeko nelokhuseleko lomntu kwa nelungelo lokuthatyathwa njengomsulwa de ufunyaniswe unetyala yinkundla esemagunyeni.
Ubulungisa abusayikuba nandima buyidlalayo ekukhululweni komntu ukuba izizathu ezikhankanywe kwicandelo 60 kumGaqo-siseko azikho:
Ukuba umntu obanjiweyo (ummangalelwa) ulubeka esichengeni ukhuseleko lukawonke-wonke okanye olomntu othile okanye, umdla woluntu jikelele, okanye uyakwenza ityala elikuludwe lenkqubo yokuqala (schedule 1 offence)
Ukuba umntu obanjiweyo uyakuzama ukulibaleka ityala
Ukuba umntu obanjiweyo uyakuzama ukuphembelela okanye oyikise amangqina okanye afihle okanye atshabalalise ubungqina.
Ukuba ummangalelwa uyakujongela phantsi okanye afake emngciphekweni iinjongo zokusebenza ngokufanelekileyo kwendlela emisiweyo yesaphuli-mthetho yobulungisa kuquka nendlela emisiweyo yebheyile.
Inqaku lomntu onika isifundo
Buza abafundi ukuba bayawazi na umahluko phakathi kokwamkela nokuvuma
Ukuvuma kukwamkela yonke imiba emalunga nolwaphulo-mthetho kwaye kuthintela naziphina izizathu zokugwetyelwa. Okokuba yenzelwa kwinkundla yamatyala iyakufana nokuvuma ityala.
Ukwamkela yinkcazo okanye ukuziphatha okungaba sisithintelo emntwini oyenzayo (umzekelo ukwamkela imiba ethile yetyala) kodwa ingathethi ukulivuma.
Umsebenzi 2.4
imizuzu
Injongo
Injongo yalo msebenzi kukuxoxa ngebheyile
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Cela abafundi ukuba baxoxe ngomcimbi nemithetho-siseko esetyenziswa xa kusenziwa isicelo sebheyile.
Sebenzisa isilayidi: Umsebenzi 2.4
Umntu obanjiweyo angasenza phi, nini isicelo sebheyile?
Iimpendulo ezamkelekileyo
Ibheyile phambi kwenkundla yamatyala
Umntu obanjiweyo kufanele aziswe ngelungelo lokwenza isicelo sebheyile ngoko nangoko (Icandelo 50 le CPA)
Inkqubo yeSibini yokuLungiswa komThetho wolwaPhulo-mThetho, (UmThetho No.85 ka-1997) owaqala ukusebenza ngomhla wokuqala ku-Agasti ngo-1998, yaguqula izinto ezithile zenkqubo yebheyile. Isicelo sebheyile kufanele siziswe ngomhla wenkundla , oku kuthetha phakathi kwentsimbi yesithoba kusasa ukuya kweyesine emva kwemini. Isicelo sebheyile asisafanelanga kuziswa enkundleni emva kwexesha lesiqhelo.
Isahluko 2 iphepha 9
INkqubo yesiBini yokuLungiswa komThetho wolwaPhulo-mThetho yengeze isizathu sesihlanu kwicandelo 60 , ukuba inkundla ingaIndawo yokuqwalaselwa:
Apho kwiimeko ezingaqhelekanga kungathi ukukhululwa komrhanelwa kungaphazamisa ucwangco lukawonke-wonke okanye lujongele phantsi uxolo luka wonke-wonke kunye nokhuseleko.
Icandelo elitsha 60 (8A) lidityanisiwe kUmThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho ukucacisa iimeko inkundla enokuthi iziqwalasele:
Icandelo 60 (8A)
UkuIndawo yokuqwalaselwa ukuba izizathu ezikwicandelwana (e)sele zimisiwe, inkundla inga, apho kufanelekileyo, iqwalasele ezimeko zilandelayo:
a. Ukuba uhlobo lwetyala okanye iimeko elenzeka phantsi kwazo ityala zingadala umothuko okanye ingcwangu eluntwini apho ityala lenzelwe khona b. Ukuba umothuko okanye ingcwangu yoluntu ingabangela isiphithiphithi kuwonke wonke ukuba ummangalelwa ukhululwe;
c. Ukuba ukhuseleko lommangalelwa lungabasemngciphekweni ngenxa yokukhululwa kwakhe d. Ukuba uxolo nokhuseleko kumalungu omphakathi kuya kujongelwa phantsi kukukhululwa kommangalelwa e. Ukuba ukukhululwa kommangalelwa kuyakubangela ukujongelwa phantsi okanye kunciphise ukuthembeka kwenkonzo yobulungisa yolwaPhulo-mThetho eluntwini.
f. Nayiphina enye into ekufanele ngokoluvo lwenkundla ukuba iqatshelwe
Ukuba esinye okanye izizathu ezininzi zikhona ngumsebenzi wegosa lamapolisa ukuphikisa ibheyile. Kuloko kufanele kwenziwe uphando olufanelekileyo phambi kokuba kuphikiswe ibheyile.
Umsebenzi 2.4 uyaqhubeka
Ibheyile yamapolisa
Abarhanelwa bangakhululwa ngebheyile yamapolisa (kumatyala angenzimanga kakhulu). Le bheyile yamapolisa inganikezwa emva kwexesha lesiqhelo. Ukuba igosa lasebupoliseni alikwazi ukunikeza ibheyile ngokwecandelo 59 le CPA okanye lingavumi ukunikeza ibheyile, elogosa lasebupoliseni kufanele lithathe lowo ubanjiweyo limse enkundleni yamatyala ukuze kwenziwe isicelo sebheyile ngokukhawuleza. Khumbula ukuba esi sicelo singenziwa ngamaxesha enkundla kuphela.
Xa kusithiwa ngokukhawuleza kuthetha ukuba ngokukhawuleza phantsi kwezo meko. Oku kungathetha ukuba, umzekelo, kwisihlo somntu oqhuba ephantsi kweempembelelo zotywala igosa lasebupoliseni kufanele lithathe loo mntu ubanjiweyo ngoko nangoko limse kugqirha wesithili ukuba kutsalwe igazi phambi kokusa loo mntu avele enkundleni. Isizathu soku kukuba utsalo gazi kufanele lwenziwe kungaphelanga iiyure ezimbini ebanjiwe.
Ibheyile yabatshutshisi
Abarhanelwa bangakhutshwa ngebheyile enikezwe ngabatshutshisi bombuso. Le bheyile inganikezwa emva kwexesha lesiqhelo, kodwa ayinakubangwa ngumntu obanjiweyo igosa lasebupoliseni lilo eliya kuthi libone okokuba malithabathe eso sigqibo kusini na. Noxa isigqibo malunga noluhlobo lwebheyile sixhomekeke kwigosa lobupolisa, kuyacetyiswa okokuba ibheyile inikezwe nangaliphina ixesha kukwazeka ukwenzeka oko. Umtshutshisi kufanele alumane indlebe negosa eliphandayo phambi kokuba ibheyile inikezwe.
Isahluko 2 iphepha 10
Okubalulekileyo
Xa kusenziwa isicelo sebheyile, inkundla ingakubuyisela umva oku ngeentsuku ezifika kwisixhenxe ngokwecandelo 50 le CPA. Ukuba inkundla iyakuvuma ukubuyisela umva, eli thuba lingasetyenziswa ukuqokelela ubungqina obuyakuthi bufuneke ukuchasa nebheyile. Noxa ummangalelwa enelungelo lebheyile kwaye engenakuthintelwa ukuba enze isicelo sayo enkundleni yamatyala, mninzi umsebenzi onxulumene nolawulo ekufanele wenziwe phambi kokuba umntu asiwe enkundleni ukuya kufaka isicelo sebheyile, njengokwenza ingxelo ngokubamba nokuthatha iminwe eshicilelweyo kunye notsalo-gazi. Ngaphandle kokuba umntu uyafuna ukusebenzisana, ukusebenzisana kwakhe ekugqibeni lemisebenzi yolawulo kwaneyokuphanda ingenziwa imfuneko ekufumaneni kwakhe ibheyile.
Ukuziswa enkundleni kungaphelanga iiyure ezingamashumi amane anesibhozo emva kokubanjwa
Icandelo 50 lomThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho umisa okokuba umntu obanjiweyo ufanele ukuziswa enkundleni yamatyala kungaphelanga iiyure ezingamashumi amane anesibhozo ebanjiwe. Icandelo 35 (d) lo Mgaqo- Sisekelo uqhuba umisa okokuba akuphelelanga ekuziseni umntu enkundleni kungaphelanga iiyure ezingamashumi amane enasibhozo, kodwa kufuneka umntu eziswe enkundleni yamatyala ngokukhawuleza. Esi sigaba sexesha seeyure ezingamashumi amane anesibhozo lelona xesha lide kwaye umsebenzi uxhomekeke epoliseni ukuzisa umntu enkundleni ngokukhawuleza. Ezi yure zingamashumi amane anesibhozo ziqala xa umntu ebanjwa aze ahluthwe inkululeko yakhe. Ukuba ipolisa liyakwazi ukumzisa umntu enkundleni kwangoko, kodwa lingakwenzi oko , ukugcinwa eluvalelweni okugqithisileyo kungafunyaniswa kungekho mthethweni.
UmThetho wetyala
Ibheyile
Kwityala lika Prokereur-Generaal, Vrystaat ephikisana no Ramakhosi 1996 All SA 207 (O) kwagqitywa kwelokuba, umTshutshisi omele umbuso azange anike bungqina bupheleleyo bokungathi ummangalelwa angafaka ukhuseleko loluntu engozini okanye nawuphina omnye umntu okanye umdla woluntu ngokubanzi okanye enze ityala elikuludwe lwenkqubo yokuqala ukuba unokukhululwa ngebheyile (iphepha 219 B-C). Inkundla yabuya yafumanisa ngokwezinto ezenzekileyo ukuba akugathi angazama ukulibaleka ityala lakhe okanye azame ukuphembelela okanye oyikise amangqina okanye afihle okanye atshabalalise ubungqina. (iphepha 235 F-G). Inkundla yagqiba ngokwalatha okokuba njengoko uphando lusezakuqhubeka iinyanga ezininzi, ummangalelwa, ongusomashishini, uyakulahlekelwa yimali eninzi ukuba ibheyile iyaliwa ngoko akukho mfuneko ngokobulungisa ukuba ammangalelwa agcinwe eluvalelweni.
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Yazisa abafundi ngale micimbi ibalulekileyo ilandelayo:
Okokuba awudingi ukubamba umntu ngenjikalanga engaphambi kwempela-veki ende, sukukwenza oko.
Asingomsebenzi wegosa lezobupolisa ukohlwaya umrhanelwa
Umntu ucingelwa njengomsulwa de kufunyaniswe ubungqina bokuba unetyala.
Ukohlwaya abaphuli-mthetho ngumsebenzi wenkundla hayi owegosa lasebupoliseni
Ukubamba okungekho mthethweni kwanokusebenzisa amandla agqithisileyo kunganeziphumo zokuvalela ngokungekho mthethweni kwaye oko kungadala ukuba kufakwe amabango oluntu, amatyala olwaphulo-mthetho kwanokusikwa.
Isahluko 2 iphepha 11
Ilungelo lokufumana ukumelwa okusemthethweni
Igosa lasebupoliseni lifanele ukwazisa umntu obanjiweyo ngokukhawulezileyo ngelungelo lokukhetha nokufumana ingcebiso yegqwetha. Umntu obanjiweyo ufanele ukwaziswa ngokukhawulezileyo ngelungelo lokuba negqwetha elabelwe yena ngumbuso ngeendleko zombuso, ukuba kungakho isiphumo sentswelo-bulungisa esikhulu icandelo 352b no c. Ngokwesiqhelo oku kufanele ukugqitywa ligosa lomThetho lokunceda
Kwigosa lasebupoliseni oku kuthetha ukuba kufuneka unike umntu obanjiweyo ithuba lokunxulumana negqwetha lakhe. Ukuba umntu akanalo igqwetha ungamnikeza amagama amagqwetha akhoyo kwingingqi okanye iinombolo zomnxeba zeBhodi esemThethweni yoNcedo okanye eminye imibutho efana nayo kwingingqi yakho. Qinisekisa okokuba unazo iinombolo zomnxeba kwaye uyalazi negosa loncedo elisemthethweni kwinkundla ekufutshane kuwe.
Ukuphathwa ngesidima nentlonipho
Igosa lasebupoliseni kufanele liphathe wonke umntu obanjiweyo ngesidima nentlonipho ngexesha abanjiweyo (icandelo 10 kumGaqo-siseko : Isidima somntu)..
Umntu obanjiweyo uthatyathwa njengomsulwa de kuvezwe ubungqina obungathandabuzekiyo bokuba unalo yinkundla yomthetho.
UKUNCITSHISWA KWAMALUNGELO OMNTU OBANJIWEYO
Xa amalungelo omntu encitshiswa kukubanjwa, oku kuncitshiswa kufuneka kuvavanywe ngokweemfuneko zegatya lokuncitshiswa (icandelo 36 kumGaqo-siseko)
UmThetho wetyala
Ilungelo lokumelwa ngokusemthethweni:
Ummangalelwa angalibanga ilungelo lokumelwa ngokusemthethweni kuhlawulelwe ngumbuso, kodwa kunokwenzeka kuphela xa inkundla icinga okokuba ukuba ummangalelwa akanalo igqwetha, kuyakubakho ?intswelo-bulungisa enkulu?.
Ummangalelwa obonelelwa ngegqwetha ngumbuso akanakho ukuzikhethela igqwetha elithile.
Kuxhomekeke kwijaji okanye kumantyi ukugqiba ukuba kuya kubakho ?intswelo-bulungisa enkulu? ukuba ummangalelwa akanikezwanga ithuba lokumelwa ngokwasemthethweni ngeendleko zombuso.
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Khumbula: Bonke abantu ababanjiweyo ikwangabantu abaseluvalelweni kwaye banamalungelo njengabo bavalelweyo (Icandelo 35 kumGaqo-siseko).
Amanqaku
Isahluko 2 iphepha 12
Oku kuthetha ukuba:
Unciphiso oluzanywayo maluqale luqulathwe kUmThetho wesicelo esingephi. Loo nto ithethe ukuba kufanele kubekho UmThetho wePalamente onikeza ilungelo lokubamba. Ngamaxesha amaninzi ibangumThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho kwaneminye imiThetho yePalamente. UmThetho wesicelo esingephi ngumThetho welizwe, oqulathe UmThetho omiselweyo ngokusemthethweni kwanomthetho ongabhalwanga.
Amalungelo angancitshiswa kangangokuba kufanelekile. Loo nto ithethe ukuba ukuncipha kufuneka kufaneleke phantsi kwezo meko. Ukuba kukho indlela enganciphisi kakhulu engasetyenziswa, ngamanye amazwi ukuba akudingeki ukuba umbambe umntu, wena gosa lasebupoliseni kufanele usebenzise enye indlela.
Uncitshiso kufanele lube nesizathu esivakalayo kuluntu lwedemokrasi evulekileyo esekelezelwe kwisidima somntu, ukulingana kwanenkululeko. Loo nto ithethe ukuba kufanele ukwazi ukunikeza isizathu esivakalayo ngokwenzileyo kwinkundla yamatyala. Idemokrasi yoluntu evulekileyo ithetha ukuba amagosa amapolisa kwezinye iidemokrasi zoluntu enza ngokufanayo phantsi kweemeko ezifanayo. Kufanele wonke umntu aphathwe ngendlela enesidima nentlonipho kungabikho mntu uza kucalulwa nokuba ungubani na. Khumbula ukuba umntu uthatyathwa njengomsulwa de kufunyaniswe ubungqina obupheleleyo bokuba unetyala kwinkundla kamatyala.
Ngokwakwicandelo 36 (a) ukuya ku(e) UmThetho-siseko wolwalamano uyasetyenziswa. Oku kuthetha ukuba naluphina ulwaphulo / nciphiso, umzekelo, lwelungelo lomntu lokuphila ubomi obubobakhe okanye inkululeko yokuhamba-hamba kufuneka lwalamane nohlobo nobungozi bomonakalo odalekileyo. Kufuneka ke ngoko kubekho ukulingana phakathi kwelungelo lomntu lokuphila ubomi obubobakhe okanye inkululeko yokuhamba-hamba nobungakanani bolwaphulo.
Umsebenzi 2.5
Imizuzu
Indawo yokuqwalaselwa
Umhlathi 2.6
Iinjongo
Iinjongo zalo msebenzi kukwenza amagosa asebupoliseni ukuba acinge ngeendlela athi anciphise ngazo amalungelo abantu nekufanele bakucingele xa benciphisa lamalungelo.
Amanqaku omntu onikeza isifundo
Cela abafundi ukuba baxoxe ngale mibuzo ilandelayo bekumaqela: 5 imizuzu
Sebenzisa isilayidi: Umsebenzi 2.5
Ngawaphi amalungelo abantu ababanjiweyo angancitshiswa?
Angancitshiswa njani lamalungelo?
Bacele ukuba bazibhale phantsi
Bacele ukuba bavavanye ukuba ukubamba (ukunciphisa) kuhambelana necandelo 36 lomGaqo-siseko
Fumana iimpendulo kwiqela ngalinye. Imizuzu 7
Qhuba ingxoxo ephangaleleyo uze ushwankathele. Imizuzu 3
Izinto ongazisebenzisa xa ushwankathela
Isilayidi: Intshayelelo 1
Icandelo 36 kumGaqo-siseko
Iimpendulo ezamkelekileyo
Incwadi yokusebenza yamalungelo oluntu kunye nobupolisa, iphepha 6
Amacandelo 10,12,14,21 kumGaqo-siseko
Isahluko 2 iphepha 13
UKUSETYENZISWA KWAMANDLA NGEXESHA KUBANJWA
Eyona nto ibalulekileyo emayikhunjulwe xa kubanjwa umrhanelwa kukuba kufanele kubekho ukulingana phakathi kokwenza umsebenzi kakuhle kwanokuhlonipha amalungelo omrhanelwa. Xa abarhanelwa bebanjwa, abakafunyaniswa benetyala yinkundla.
Ngexesha kubanjwa, amagosa asebupoliseni akavumelekanga ukuba asebenzise amandla ngelokuzama ukohlwaya umntu obanjiweyo. Ukuba akukho mandla adingekayo xa kubajwa umntu, akufanelekanga kusetyenziswe mandla konke-konke. Okokuba udinga ukusebenzisa amandla ukuze ukwazi ukumbamba umntu, sebenzisa awona mandla mancinane phantsi kwemeko leyo okuyo.
UmGaqo-siseko uqinisekisa amalungelo omntu wonke:
Kubomi
Ukuhlonipha nokukhusela isidima somntu
Inkululeko nokhuseleko lomntu, okuqukanisa ukuthinteleka nakwiziphi iintlobo zobugebenga ezivela kuwonke-wonke okanye nakuwuphina umntu, ungangcungcuthekiswa okanye wohlwaywe ngendlela ekhohlakeleyo, engenabuntu okanye eyehlisa isidima sakho;
Umntu ngobuqu bakhe, obuquka ilungelo lokungaphengululwa kwesiqu sakhe, ikhaya okanye izinto zakhe okanye kuthathwe izinto zakhe. Ukusetyenziswa kwamandla kungaphula okanye kunciphise elinye okanye amaninzi alamalungelo. Ngoko ukusetyenziswa kwamandla kufuneka ngawo onke amaxesha kube ngokwasemthethweni.
Izinto ekufanele uzicinge xa usebenzisa amandla ngelixa ubamba
Ungazibuza lemibuzo ilandelayo xa usebenzisa amandla ngelixa ubamba:
Ukusetyenziswa kwamandla bekulungile, bekufanelekile kwaye kubenesiphumo esisiso?
Kungavikeleka enkundleni yamatyala ukusetyenziswa kwamandla?
Ukusetyenziswa kwamandla kudale ukwenzakala okuncinane?
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Uwiso-mthetho oluphathelele nokusetyenziswa kwamandla:
Amacandelo 11,12 kunye no 36 kumGaqo-siseko
Amacandelo u-39 kunye no- 49 omThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho
Imiyalelo enxulumene nokusetyenziswa kwamandla xa kubanjwa:
Umyalelo wenkonzo owodwa: 31/1/5/3 wangomhla wango-1997-01-07
Kukwakho umgangatho wezizwe omalunga nokusetyenziswa kwamandla nezixhobo zokudubula , umzekelo:
Inqaku 3 lemithetho yezizwe ezimanyeneyo ecwangciselwe ukuziphatha kwamagosa anyanzelisa UmThetho
UmThetho-siseko wezizwe ezimanyeneyo ekusetyenzisweni kwamandla nezixhobo zokudubula
Isahluko 2 iphepha 14
Imithetho ngokusetyenziswa kwamandla ngexesha kubanjwa
Sebenzisa kuphela awona mandla mancinane
Sebenzisa kuphela amandla alingeneyo
Sebenzisa kuphela amandla afunekayo ukuzikhusela nokukhusela abo bakufutshane xa ubamba
Sebenzisa kuphela awona mandla mancinane
Kufuneka usebenzise kuphela amandla afunekayo ukoyisa isoyikiso, ukuxhathisa nokuhlaselwa. Okukona isoyikiso, ukuxhathisa okanye uhlaselo luba lukhulu, kokukhona ungasebenzisa amandla angezelelekileyo.
Sebenzisa kuphela amandla alingeneyo kuphela
Xa umntu exhathisa ukubanjwa ubungozi bolwaphulo-mthetho atyholwa ngabo bungadlala indima ebalulekileyo ekwenzeni isigqibo sokuba kusetyenziswe amandla aluhlobo luni na. Okokuba lityala nje elincinane, ungangazisebenzisi iintlobo ezithile zamandla.
IINDLELA ZOKUCACISA UMLINGANISELO WOKUSETYENZISWA KWAMANDLA
Okokuba umntu akaxhathisi xa ebanjwa akufanelekanga usebenzise amandla konke konke.
Ezindlela zilandelayo zicacisa UmThetho-siseko womlinganiselo kwaye zibonisa imigangatho yamandla eyahlukeneyo enokusetyenziswa ngexesha kubanjwa (awona mandla mancinane)
Ubukho begosa lasebupoliseni:
Ukuchongwa kwabasemagunyeni
Xa umntu ezichonga njengegosa lasebupoliseni (ngokubonakalayo nangokuthetha). Ukubeka isandla ngenjongo yokubamba / ukukhokela okanye ukuthuthuzela
Inkcazelo yomlomo, imiyalelo yomlomo okanye ukubanjwa
Xa igosa lasebupoliseni liyalela umntu ngomlomo ukuba makenze into. (umzekelo: Xa umrhanelwa ebaleka ze igosa lasebupoliseni limkhwaze ukuba makeme)
Umsebenzi 2.6
imizuzu
Indawo yokuqwalaselwa
Umhlathi 2.7
Iinjongo
Injongo yalo msebenzi kukuxoxa imigangatho eyahlukileyo yamandla angasetyenziswa xa kubanjwa
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Cela abafundi ukuba baqhube ingxoxo ephangaleleyo ngemigangatho eyahlukeneyo enokusetyenziswa ngexesha kubanjwa, ukuqalela kwawona mandla mancinane anokusetyenziswa.
Shwankathela
Amanqaku
Xa igosa lasebupoliseni liyalela okanye lilawula umntu ngomlomo ukuba enze into. (Umzekelo: Xa umrhanelwa ebaleka kwaye igosa lasebupoliseni limkhwaza ukuba makeme.)
Isahluko 2 iphepha 15
Ukulawula ngesandla esingenanto:
Ukulawula ngesandla esithambileyo nesingenanto
Ubuchule obunelona thuba lincinane lokwenzakala.(Umzekelo: Xa igosa lasebupoliseni liyalela lichukumisa umntu egxalabeni lize limyalele ukuba ahambe naye)
Ukulawula ngesandla esilukhuni nesingenanto
Ubuchule obunokuba nobungozi. Usebenzisa ukucinezela, ukuthobela ubuhlungu, yiza nam, bhala phantsi kunye , ubuchule bobuqhetseba obuhlangeneyo
Ukubambeka kwemithambo yentamo (ukuba igosa lasebupoliseni liqeqeshiwe), okanye olunye unyawo/umlenze/isandla/ingalo ihlasele imithambo idale ukungasebenzi okwethutyana kwelungu nokuphazamiseka kwengqondo. Olunye uhlaselo lubangele ukuphazamiseka kokulawula lokuhamba-hamba.
Abenzeli bamachiza
CO/OC (isintywizisi) okanye igesi yepepile okokuba ivunywe lisebe ngokwenkqubo engqongqo nekhuselekileyo yamagosa aqeqeshiweyo kwaye isetyenziswa ngokulungelene nemigaqo esemthethweni elawula lamachiza
Iintonga zamapolisa/Izikhali
Njengokuba zivunywe lisebe, zisetyenziswa ngamagosa asebupoliseni aqeqeshwe ngobuchule obukumgangatho ongqongqo.
Amanqaku
Isahluko 2 iphepha 16
Amandla abulalayo/Izixhobo zokudubula okanye amacebo okusinda angaba neziphumo zokufa okanye ukwenzakala komzimba okukhulu (ukwenzakala okunobungozi)
Sebenzisa amandla afanelekileyo ukuzikhusela kwanokukhusela abo bakufutshane bangenatyala xa ubamba
Ngexesha lokubamba igosa lasebupoliseni kusenokufuneka ukuba lizikhusele ngendlela elibona ifanelekile (ukuzikhusela). Khumbula ukusebenzisa amandla afanelekileyo ukuzikhusela nokukhusela abo bakufutshane bangenatyala.
Emva kokusetyenziswa kwamandla inkundla ingaphonononga iimeko ezine, ezingezi:
Ukusetyenziswa kwamandla bekusisizathu esifanelekileyo phantsi kwezo meko?
Bekukho ukulingana phakathi kwesidingo sokusetyenziswa kwamandla kunye namandla asetyenzisiweyo?
Bekungakanani ukwenzakala komntu obanjiweyo?
Amandla asetyenziswe ngokunyanisekileyo okanye ngolunya, ngokungenamfuneko okanye ngokuzanelisa ngokuhlungisa omnye umntu?
AMAGOSA ASEBUPOLISENI ANGADUBULA UMRHANELWA XA KUTHENI NA?
Inqaku elibalulekileyo
Lo ngumcimbi oxabanisayo kakhulu. Icandelo 49 leCPA likwinkqubo yokubhalwa ngokutsha. Isiqulatho salempendulo sisenokuguquka.
UmGaqo-siseko (Icandelo 11) uthi wonke umntu unelungelo lokuphila. Ngoko igosa lasebupoliseni linokumdubula umntu phantsi kweemeko ezithile kuphela. Kubalulekile ukwazi ukuba UmThetho ukuvumela xa kutheni ukuba udubule umntu obalekayo xa ebanjwa.
Umsebenzi 2.7
imizuzu
Indawo yokuqwalaselwa
Iinjongo
Iinjongo zalo msebenzi kukuIndawo yokuqwalaselwa ukusetyenziswa kwezixhobo zokudubula ngexesha kubanjwa nokuxoxa ngoMthetho-Sisekelo wokusebenzisa awona mandla mancinane.
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Cela abafundi ukuba baxoxe ngalemibuzo ilandelayo:
Sebenzisa isilayidi: Umsebenzi 2.7
Igosa lasebupoliseni lingamdubula xa kutheni umrhanelwa obalekayo?
Amandla angasetyenziswa ukuphengulula umntu obanjiweyo?
Qhuba ingxoxo ephangaleleyo
Shwankathela
Izinto ongazisebenzisa ngexesha ushwankathela
Incwadi yomsebenzi yamalungelo oluntu kunye nobupolisa, iphepha 32
Isilayidi: Ukubamba inombolo 7.
Amanqaku
Isahluko 2 iphepha 17
UmThetho-siseko wokusetyenziswa kwamandla xa kubanjwa (icandelo 49 leCPA) usekhona. Le mithetho-siseko incitshiswa yinkqubo yamapolisa othi wengezelele kwi- CPA. Le nkqubo isahleli njengoko ibinjalo kwaye inamatheliswe apha njengesihlomelo A.
UmThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho kunye nomthetho weSAPS usinceda ukuba siqonde iindlela amapolisa angathi anciphise ngayo ilungelo lomntu lenkululeko kwanelokhuseleko. Le mithetho ikuxelela ukuba loluphina uhlobo lwamandla ongalusebenzisa xa ubamba.
Khumbula, oku kungaguquka
Umrhanelwa obalekayo angadutyulwa ukuba ezimfuneko zizalisekisiwe:
Khumbula, ukuba akukho sidingo sokuba usebenzise isixhobo sokudubula musa ukusisebenzisa
Umrhanelwa utyholwa ngokuba wenze ityala elikhulu elikuluhlu lenkqubo yamapolisa. Qinisekisa ukuba unayo ikopi yenkqubo kwaye uyifunde ngentloko nangocoselelo.
Igosa lasebupoliseni lizama ukubamba umntu kuba etyholwa ngolwaphulo- mthetho
Umrhanelwa uyazi ukuba igosa lasebupoliseni lizama ukumbamba ngolwaphulo-UmThetho
Ayikho enye indlela yokubamba umrhanelwa
Igosa lasebupoliseni limlumkisile umrhanelwa ukuba uyakudutyulwa ukuba akemi, umrhanelwa akasimameli isilumkiso.
Ubomi babanye abantu abusayi kubasengozini xa kudutyulwa.
Ukuba umrhanelwa akemi, kufanele kuqala udubule isithonga sokumlumkisa, ukwenza oku xa kungazokwenzakalisa omnye umntu. Ukuba umrhanelwa akemi, ungadubula. Kufuneka uzame ukudubula endaweni ethile emzimbeni, njengasemlenzeni, apho imbumbulu ingenakumbulala umrhanelwa.
Imfuneko yamandla amancinane ibonelelwe kwicandelo 13 (b) lomThetho wenkonzo yamapolisa ochazayo ukuba amandla angasetyenziswa lilungu kuphela ?
Xa lisenza umsebenzi wasebuRhulumenteni
Ilungu livumelekile ngokomthetho ukuba lisebenzise amandla
Ilungu lingasebenzisa amandla alingeneyo kulo meko.
Amanqaku
Isahluko 2 iphepha 18
UKUSETYENZISWA KWAMANDLA UKUPHENGULULA UMNTU OBANJIWEYO
Ngokomthetho jikelele, uphengululo kufanele lwenziwe ngokwelungelo lokuphengulula (icandelo 21 leCPA) ngaphandle kokuba UmThetho ugunyazisa uphengululo ngaphandle kwelungelo lokuphengulula.
Ngokwakwicandelo 23 (a) leCPA, ilungu lingamphengulula umntu elimbambileyo lithimbe nayiphina into ekhankanyiweyo kwicandelo 20 le CPA ethi ifumaneke ikuye okanye eyigcinile okanye iphantsi kolawulo lomntu obanjiweyo.
Kufuneka yazisiwe into yokuba noxa icandelo 23 (a) leCPA lingagunyazisi ukusetyenziswa kwamandla xa kuqhutywa uphengululo, xa ifundwa necandelo 27 le- CPA kufuneka ichazwe ukuba iquka nokusetyenziswa kwamandla ukuba ukusetyenziswa kwamandla alingeneyo kuyafuneka ukuze kuqhutywe uphengululo.
Ukuba umntu obanjiweyo uyazinikezela ukuba aphengululwe, kungangabikho mfuneko yokuba kusetyenziswe amandla konke konke.
Ukuba umntu obanjiweyo uyaxhathisa xa kuzanywa ukuba aphengululwe, amandla alingene ukoyisa okokuxhathisa kuyakufuneka ukuba asetyenziswe. Ngenxa yoku ezinye iindlela zokumnqanda zingasetyenziswa njengamahanibhoyi.
Okubaluleke gqitha
Ukuphengululwa kweendawo ezinqabileyo zomzimba (undonci kunye nendlela eya esizalweni) zomntu obanjiweyo, zidla ngokufuna iqondo elithile lamandla kwaye oku kufanele ukwenziwa ngugqirha okanye umongikazi obhalisiweyo ezincwadini zabongikazi, oku kwenziwa xa kukholelwa ukuba into ekuthethwe ngayo kwicandelo 21 ifihlwe apho
Amanqaku.
Isahluko 2 iphepha 19
IVIDIYO NGOKUBAMBA
Ividiyo yemizuzu elishumi ephathelele ekubambeni iyafumaneka.
ISISHWANKATHELO / IMIBUZO
Ziziphi iindlela zokuqinisekisa ubukho bommangalelwa enkundleni?
Ngawaphi amalungelo omntu obanjiweyo?
Yiyiphi imithetho yokusentyenziswa kwamandla ngexesha kubanjwa, kwaye ithetha ukuthini?
Umntu obanjiweyo ufanele ukwaziswa ngamalungelo akhe ?ngokukhawuleza?. Kuthetha ukuthini oku?
Ilungelo lokuthi cwaka lithetha ukuthini?
Ufanele ukuphathwa njani umntu obanjiweyo, ngoba?
IZILAYIDI
Ukubamba No. 1: Icandelo 10: Isidima soluntu
Ukubamba No. 2: Icandelo 12: Inkululeko nokhuseleko lomntu
Ukubamba No.3: Amalungelo oluntu omntu obanjiweyo
Ukubamba No.4: Imithetho ngokusetyenziswa kwamandla ngexesha kubanjwa
Ukubamba No.5: Ezinto ezifanele ukuqwalaselwa xa kusetyenziswa amandla ngexesha kubanjwa
Ukubamba No.7: Umrhanelwa obalekayo angadutyulwa kuphela ukuba ezi zinto zintandathu ziqwalaselwe
Umsebenzi 2.2
Umsebenzi 2.3
Umsebenzi 2.4
Umsebenzi 2.5
Umsebenzi 2.6
Umsebenzi 2.7
Umsebenzi 2.8
Imizuzu
Bonisa ividiyo emalunga nokubamba
Umsebenzi 2.9
Imizuzu
Amanqaku omntu onikeza isifundo
Emva kwevidiyo, nikeza ixesha lengxoxo nesishwankathelo
Imibuzo ingakhokelela kwizinto ezingakhange zixoxwe
Jongisisa ezona njongo zibalulekileyo zixoxwe kusetyenziswa imibuzo neempendulo. Qinisekisa ukuba zonke iinjongo zifinyelelwe
Amanqaku
Isahluko 2 iphepha 20
UXWEBHU LWESIBHENGEZO ESIMALUNGA NAMALUNGELO OMNTU OBANJIWEYO
Kukho uxwebhu lwesibhengezo olufumanekayo malunga namalungelo omntu obanjiweyo.
Olu xwebhu kufanele luxhonywe eludongeni phambi kokuba iseshini iqale.
AMAXWEBHU NEKUCETYISWA UKUBA AFUNDWE
UmSebenzi wobuPolisa kunye namaLungelo oluNtu: Izahluko 14 kunye nele-15 Amagqabantshitshi ngomThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho: Icandelo 5
Amanqaku
Isahluko 2 iphepha 21
ISIDIMA SOLUNTU
Icandelo 10 lomGaqo-siseko
Isidima Soluntu
Wonke umntu unesidima semvelo kwanelungelo lokukhuselwa nokuhlonitshwa kwaso
Isahluko 2 iphepha 22
INKULULEKO NOKHUSELEKO LOMNTU
Icandelo 12 LomGaqo-Siseko: Inkululeko nokhuseleko lomntu
 Wonke umntu unelungelo lenkululeko nokhuseleko okuquka nelungelo-
a lokungahluthwa inkululeko ngogonyamelo okanye ngaphandle kwesizathu;
b ukungabanjwa ngaphandle kokubekwa ityala;
c ukukhululeka nakwiziphi iintlobo zobundlobongela ezisuka kubantu bangaphandle okanye bangaphakathi;
d ukungathuthunjiswa nangaluphina uhlobo;kwa e nokungaphathwa okanye ukungohlwaywa ngendlela ekhohlakeleyo, engenabuntu nethoba isidima.
Isahluko 2 iphepha 23
AMALUNGELO OLUNTU ABANTU ABABANJIWEYO
Ukuba baziswe ngezizathu zokubanjwa
Ukuba baziswe ngawo onke amalungelo asemthethweni
Ukuba banganyanzelwa ukwenza ulwamkelo okanye ukuvuma bengafuni
Ukwenza isicelo sebheyile
Ukuziswa ngaphambi kwenkundla ngokukhawuleza kodwa kungadlulanga iiyure ezingamashumi amane anesibhozo (48 hours)
Ilungelo lokuthetha negqwetha
Ukuphathwa ngesidima nentlonipho
Isahluko 2 iphepha 24
IMITHETHO YOKUSETYENZISWA KWAMANDLA NGEXESHA KUBANJWA
Sebenzisa awona mandla mancinane kuphela
Sebenzisa amandla alingeneyo
Sebenzisa amandla afunekayo ukuze ubambe kuphela
Isahluko 2 iphepha 25
IZINTO EKUFANELE UZICINGE XA USEBENZISA AMANDLA NGEXESHA UBAMBA
Ingaba ukusetyenziswa kwamandla kwakulungile, kufanelekile kwaye kwasebenza?
Ingaba ukusetyenziswa kwamandla kungavikeleleka enkundleni yamatyala?
Ingaba ukusetyenziswa kwamandla kwadala ukwenzakala okuncinane?
Isahluko 2 iphepha 26
Ingaba iindlela ezingenabundlobongela zizanyiwe kuqala?
Ingaba UmThetho-siseko wokulingeneyo nemfuneko ujongiwe?
Ingaba igosa lasebupoliseni lizamile ukuzinqanda ekusebenziseni isixhobo sokudubula?
Ukusetyenziswa kwesixhobo sokudubula komnye umntu ngumlinganiselo ogqithisileyo: Ingaba wasetyenziswa njengecebo lokugqibela?
Isahluko 2 iphepha 27
UMRHANELWA OBALEKAYO ANGADUTYULWA KUPHELA XA EZIZINTO ZINTANDATHU ZIJONGIWE:
Khumbula: ukuba akukho sidingo sokuba usebenzise isixhobo sokudubula, musa ukusisebenzisa.
Umrhanelwa utyholwa ngelokuba wenze ityala lolwaphulo-mthetho olukhulu olukuluhlu lwenkqubo yomthetho wamapolisa. Qinisekisa okokuba unayo ikopi yomthetho kwaye uyifunde ngentloko nangocoselelo.
Igosa lasebupoliseni lizama ukubamba umntu kuba etyholwa ngolwaphulo- mthetho.
Umrhanelwa uyazi ukuba igosa lasebupoliseni lizama ukumbamba ngokwaphula UmThetho.
Ayikho enye indlela yokubamba umrhanelwa. Igosa lasebupoliseni limlumkisile umrhanelwa ukuba uyakudutyulwa ukuba akemi, umrhanelwa akasimameli isilumkiso.
Ubomi babanye abantu abusayi kubasengozini xa kudutyulwa.
Ukuba umrhanelwa akemi, kufanele kuqala udubule isithonga sokumlumkisa, ukwenza oku xa kungazokwenzakalisa omnye umntu.
Ukuba umrhanelwa akemi, ungadubula. Kufuneka uzame ukudubula endaweni ethile emzimbeni, njengasemlenzeni, apho imbumbulu ingenakumbulala umrhanelwa.
Isahluko 2 iphepha 28
UMSEBENZI 2.2
Yintoni injongo yokubamba?
Ziziphi ezinye iindlela ngaphandle kokubamba ezinokuqinisekisa ubukho enkundleni?
Isilayidi: Umsebenzi 2.2
Isahluko 2 iphepha 29
UMSEBENZI 2.3
Yiyiphi indlela elungileyo yokubamba umntu?
Ngawaphi amalungelo neemfanelo ekufanele umntu obanjiweyo azenze?
Ziziphi iimfanelo ekufanele igosa lasebupoliseni lizenze ngexesha libamba umntu?
Zintoni ekufanele igosa lasebupoliseni lazise umntu obanjiweyo ngazo xa limbamba?
Isilayidi: Umsebenzi 2.3
Isahluko 2.iphepha 30
UMSEBENZI 2.4
Umntu obanjiweyo angasenza phi, nini isicelo sebheyile?
Isilayidi: Umsebenzi 2.4
Isahluko 2.iphepha 31
UMSEBENZI 2.5
Ngawaphi amalungelo abantu ababanjiweyo angancitshiswa?
Angancitshiswa njani lamalungelo?
Isilayidi: Umsebenzi 2.5
Isahluko 2 iphepha 32
UMSEBENZI 2.6
Qhuba ingxoxo ngemigangatho eyahlukeneyo yokusetyenziswa kwamandla xa kubanjwa, uqale ngowona mncinane onokusetyenziswa.
Isilayidi: Umsebenzi 2.6
Isahluko 2 iphepha 33
UMSEBENZI 2.7
Igosa lasebupoliseni lingamdubula xa kutheni umrhanelwa obalekayo?
Angasetyenziswa amandla ukuphengulula umntu obanjiweyo?
Isilayidi: Umsebenzi 2.7
ISAHLUKO 5
UKUPHENGULULA KUNYE NOKUTHIMBA
Isahluko 5 iphepha 1
ISIQULATHO
UKUPHENGULULA NOKUTHIMBA
Uyilo lwesifundo
Iinjongo
Intshayelelo
Yiyiphi imithetho ephathelele kuphengululo nokuthimba?
Igatya elinciphisayo kunye nokuphengulula nokuthimba
Ukuphengulula unelungelo:
Imiphumela yophengululo olungekho mthethweni okanye uphengululo oludlula amagunya aqulathwe lilungelo
Uphengululo ngaphandle kwelungelo:
Amanqaku ngokuziphatha kwamagosa asebupoliseni ngexesha lophengululo nokuthimba
Ukusetyenziswa kwamandla ngexesha lophengululo nokuthimba
Ukusetyenziswa kwamandla ukungena kwisakhiwo nomhlaba waso
Ukusetyenziswa kwamandla ukuphengulula umntu
Ukusetyenziswa kwamandla ukuphengulula isakhiwo nomhlaba waso ukwenela ukuthimba izinto
Ividiyo engophengululo nokuthimba
Isishwankathelo / Imibuzo
Izilayidi
Amaxwebhu anemvelaphi yolwazi kunye nezinye ekucetyiswa ukuba zifundwe
UKUPHENGULULA NOKUTHIMBA
Isiqulatho Izinto zokwenza Ixesha
Iinjongo Umsebenzi 5.1: Funda iinjongo 2
Intshayelelo Umsebenzi 5.2: Amaqela aququzelayo, 20
ingxoxo
Yiyiphi imithetho Umsebenzi 5.3 7
Igatya elinciphisayo nophengululo nokuthimba
Ukuphengulula ngelungelo:
Imiphumela yophengululo Umsebenzi 5.4: UmThetho 6
olungekho mthethweni noludlula wetyala amagunya elungelo
Ukuphengulula ngaphandle Umsebenzi5.5: Imibuzo 2
kwelungelo: Icandelo 22 leCPA neempendulo, UmThetho wetyala, ingxoxo
Amanqaku jikelele ngokuziphatha Umsebenzi 5.6 :Imibuzo 2
kwamapolisa ngexesha neempendulo, ingxoxo lokuphengulula nokuthimba
Ukusetyenziswa Umsebenzi 5.7: Ingxoxo jikelele 7
kwamandla ngexesha lophengululo nokuthimba
Ukusetyenziswa kwamandla ukungena kwisakhiwo nomhlaba waso
Ukusetyenziswa kwamandla ukuphengulula umntu
Ukusetyenziswa kwamandla ukuphengulula isakhiwo nomhlaba waso ngeenjongo zokuthimba izinto
Ividiyo ngokuphengulula nokuthimba Umsebenzi 5.8: Ividiyo 10
nokuphengulula nokuthimba
Isishwankathelo / Imibuzo Umsebenzi 5.9:Imibuzo, 4
ingxoxo
Isahluko 5 iphepha 3
IINJONGO
Emveni kokugqiba esi sahluko abafundi bayakukwazi ukuqonda nokuhlonipha ?
Amalungelo omntu ophengululwayo
Amalungelo omntu ekuphengululwa isakhiwo sakhe kwanomhlaba waso
Amalungelo omntu othinjelwa isakhiwo nomhlaba waso ngeenjongo zokuphanda ,ngokomGaqo-Siseko: nangoku
Ukwaphulwa kwala malungelo okunesizathu, kusetyenziswa imithetho-sisekelo nemigaqo ekuyakwabelwana ngayo kule seshini ngokomthetho oyilwayo wamalungelo; kunye
Nemiphumela yophengululo olungekho mthethweni
INTSHAYELELO
Uphengululo nokuthimba lulwaphulo olukhulu lwamalungelo omntu. UmGaqo-Siseko uqinisekisa amalungelo omntu wonke angasese icandelo 14 lomGaqo-siseko nelungelo lokukhululeka nokhuseleko lomntu icandelo 12 lomGaqo-siseko. Lamalungelo athetha ukuba umBuso amapolisa awunakho ukuphengulula ikhaya lomntu, ipropati okanye umzimba kwaye awunakuthimba izinto umntu anazo,uvule iposi yakho okanye umamele ifowuni yakho ngasese ngokufaka olunye ucingo kolwakho lingekho igunya elisemthethweni lokwenza oko. Kubalulekile ukwazi okokuba akukho nalinye kula magunya elingathandabuzekiyo kuba asenokuncitshiswa. Ukuba kukho isizathu sokurhanela ukuba umntu wophule UmThetho okanye kukho isizathu sokukholelwa ukuba umntu usebenzise into ethile ukwaphula UmThetho okanye angangqina ukuba kwenziwe ulwaphulo-mthetho okanye izakusetyenziswa ekwaphuleni UmThetho, umGaqo-siseko icandelo 36 lomGaqo-siseko ubalula ilungelo lomntu langasese kwaye inkululeko nokhuseleko lunganciphiseka ngokomthetho wePalamente, umzekelo UmThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho ka-1977, UmThetho 57 ka-1977 ugunyazisa olo lawulo. Oku kungenziwa, umzekelo, xa umntu ephengululwa, xa indlu yomntu iphengululwa okanye xa into yomntu ithinjwa ngokwasemthethweni.
Umsebenzi 5.1
imizuzu
Umhlathi 5.1
Iinjongo
Imbangi yomsebenzi kukunikeza iinjongo zeseshini.
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Fundela abafundi iinjongo
Babuze ukuba bayaziqonda na iinjongo
Cacisa ukuba kukho imfuneko
Isahluko 5 iphepha 4
Khumbula okokuba igosa lasebupoliseni lingaqhuba uphengululo lithimbe izinto kuphela xa ligunyaziswe ngumThetho ukuba lenze njalo. Kunyanzelekile ke ukuba igosa lasebupoliseni liwasebenzise lamagunya phakathi kwemida elungiselelweyo ngumThetho kwaye liqinisekise ukuba amalungelo omntu awophulwanga. Ukuba igosa lasebupoliseni lenza umsebenzi walo ngokwasemthethweni, olu lwaphulo lwamalungelo oluntu luyakubasemthethweni.
Ukuphengulula nokuthimba kunganciphisa lamalungelo oluntu alandelayo, phakathi kwamanye:
Ilungelo lesidima soluntu (icandelo 10 kumGaqo-siseko)
Imizekelo: Uphengululo lwemizimba namalungu omzimba anqabileyo
Ilungelo lenkululeko nokhuseleko lomntu (icandelo 12 kumGaqo-siseko)
Ilungelo lomntu langasese (privacy) (icandelo 14 kumGaqo-siseko)
Imizekelo:Uthungelwano: uphengululo lwemizimba namalungu omzimba anqabileyo
Ngako oko, kufuneka uqinisekise ukuba wenza ngokwasethethweni onguwo, umzekelo UmThetho wasePalamente nomGaqo-siseko
Khumbula:
Umntu unamalungelo aqinisekisiweyo kumGaqo-siseko, nokuba izinto zakhe ziphengululwe kwaza kwathijwa into. Kubalulekile okokuba isenzo segosa lasebupoliseni sihlale ngaphakathi kwemida yomthetho. Ukuba amalungelo omntu ancitshisiwe luphengululo nokuthimba, oko kunciphisa kufuneka kube kuncinane.
Umsebenzi 5.2
imizuzu
Indawo yokuqwalaselwa
Iinjongo
Iinjongo zalo msebenzi kukwenza abafundi bacinge ngemiphumela enokuthi uphengululo nokuthimba kube nayo kumalungelo omntu.
Intshayelelo: 2 imizuzu
Amaqela: 5 imizuzu
Ingxelo: 10 imizuzu
Ingxoxo: 3 imizuzu
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Cela abafundi baxoxe ngoku kulandelayo bekumaqela
Sebenzisa Isilayidi: Umsebenzi 5.2
Dwelisa imizekelo yamalungelo anokuthi ancitshiswe ngenxa yophengululo nokuthimba
Bacele bajonge kwigatya lokunciphisa kwiphepha 6 leencwadi zokusebenza bavavanye ukuba uphengululo kunye nokuthimba kungabonwa njengolwaphulo olunesizathu esisiso na kumalungelo omntu.
Cela abafundi ukuba banikeze ngemizekelo yemithetho (UmThetho osetyenziswa ngokubanzi) olawula ukuphengulula nokuthimba.
Fumana iimpendulo. Cela umthathi-nxaxheba omnye ukuba ngokuzithandela abhale amalungelo angathi ancitshiswe kwitshati okanye kwibhodi ngeli lixa iqela linikeza ingxelo.
Qhuba ingxoxo ngokusetyenziswa kwegatya lokunciphisa
Phetha ngengxoxo ebanzi
Izinto ezinokusetyenziswa ngexesha kushwankathelwa
Icandelo 36 kwincwadi yokusebenzela, iphepha 6
Incwadi yokusebenzela, iphepha 20
Icandelo36 kwisahluko 2 somGaqo-siseko
Isahluko 5 iphepha 5
IGATYA ELINCIPHISAYO KUNYE NOPHENGULULO NOKUTHIMBA
Ukuba nawaphina amalungelo aqulathwe kUmThetho oyilwayo wamalungelo ancitshisiwe, umzekelo ngenxa yophengululo nokuthimba, ukuncipha kufanele kuvavanywe ngokweemfuneko ezikwigatya elincitshisiweyo
Uphengululo nokuthimba kwakunye nokusetyenziswa kwecandelo 36 lomGaqo-siseko ingachazwa ngoluhlobo lulandelayo:
Ukuncipha kufuneka kuqala kuqulathwe kUmThetho osetyenziswa ngokubanzi. Oku kuthetha ukuba kufanele kubekho UmThetho omisiweyo (oku kuquka UmThetho wasePalamente, ummiselo, imithetho yedolophu) okanye UmThetho ongabhalwanga. Kuphengululo nokuthimba UmThetho osetyenziswa ngokubanzi iyakuba ngumThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho,1977, UmThetho weziXhobo neeBhombu, ka-1969 (UmThetho Nombolo 75 ka-1969) okanye UmThetho weziYobisi noRhwebo lweziYobisi, ka-1992 (UmThetho Nombolo 140 ka-1992), icandelo 13 lomThetho weNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika, ka-1995 (UmThetho Nombolo 68 ka-1995), neminye.
Amalungelo angancitshiswa kangangokuba uncitshiso lufanelekile. Oku kuthethe ukuba ukuncitshiswa kufuneka kufaneleke phantsi kweemeko ezo uphengululo luyakube luqhubeka phantsi kwazo. Ukuba kukho indlela engathinteli kakhulu kodwa inokuba nemiphumela efanayo, igosa lasebupoliseni kufanele lisebenzise loo ndlela. Imiphumela enokuthi ifunyanwe iyakunikeza isizathu sophengululo. Ngoko unciphiso luyakuba lolufanelekileyo. Amagosa asebupoliseni akufanelekanga ukuba anciphise amalungelo omntu ngokungafunekiyo.
Uncitshiso kufanele kube nesizathu kuluntu lwedemokrasi noluvulekileyo kusekelwe kwisidima soluntu, ukulingana nenkululeko. Oku kuthetha ukuba kufanele ukwazi ukunikeza izizathu zezenzo zakho enkundleni yamatyala.
Amanqaku
Isahluko 5 iphepha 6
Uluntu lwedemokrasi kwanoluvulekileyo luthetha ukuba amagosa asebupoliseni akolunye uluntu lwedemokrasi kufanele enze ngokufanayo kiimeko ezifanayo. Kufanele ngalo lonke ixesha uphathe wonke umntu ngendlela ehloniphekileyo nenesidima nangendlela enokuthi ilindeleke nakwamanye amagosa asebupoliseni. Akufanelanga ukuba ukhethe mntu ngokungalunganga. Khumbula ukuba umntu uthathwa njengomsulwa de afunyaniswe enetyala enkundleni yamatyala.
Ngokwakwicandelo 36 ukuya ku(e) UmThetho-siseko womlinganiselo usoloko usebenza. Oku kuthetha ukuba naluphina ulwaphulo lwelungelo lomntu langasese kufuneka lulinganiselwe kubunjani nobungozi bomonakalo odalwe kukuncitshiswa. Kufanele ngoko kubekho ukulingana phakathi kwelungelo lomntu langasese nobungakanani bolwaphulo.Amalungelo kufanele ancitshiswe kancinane. Injongo kufanele inikeze isizathu esisiso sokuphengulula(ulwaphulo).
YIYIPHI IMITHETHO ELAWULA UPHENGULULO NOKUTHIMBA
UmThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho, 1977 (UmThetho Nombolo 57 ka 1977)
Uwiso-mthetho olulolunye luquka UmThetho weziXhobo neeBhombu,1969 (UmThetho Nombolo 75 ka 1969), UmThetho weziYobisi noRhwebo lweziYobisi,1992 (UmThetho Nombolo 140 ka 1992), UmThetho wokuLawula abaseMzini, 1991 (UmThetho Nombolo 96 ka 1991), UmThetho woBiwo-Mfuyo, 1959 (UmThetho Nombolo 57 ka 1959) kunye necandelo 13 lomThetho weNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika, 1995 (UmThetho Nombolo 68 ka 1995).
Amanqaku
Isahluko 5 iphepha 7
Ilungelo langasese lelona lungelo lomntu elisisiseko. Ukhuseleko kulwaphulo lwelungelo langasese lomntu olungenasizathu okanye olungafanelekanga kubalulekile ngoko. Ukukhusela ilungelo lomntu nokuqinisekisa ukuba igosa lasebupoliseni lisebenza ngokusemthethweni kunyanzelekile ukufumana isiqinisekiso phambi kokuba kuqhutywe uphengululo nokuthimba Icandelo 21 leCPA linikeza ukhuseleko ngokufuna ukuba into ?ithinjwe kuphela xa kukho isiqinisekiso sokuphengulula?. Esi siqinisekiso sinikezwa kuphela ligosa lasenkundleni, kutsho ukuthi, umantyi okanye igosa lobulungisa noxolo (iquka negosa eligunyazisiweyo lamapolisa). Igosa lasenkundleni liyakujonga konke oko kuphambi kwalo lize lenze isigqibo sokuba kukho isizathu sophengululo kusini na, kuze ke kukhutshwe isiqinisekiso sophengululo ligosa elenza oko. Ukufumana isiqinisekiso sokuphengulula kukhusela ulwaphulo olungenasizathu okanye olungafanelekanga lwamalungelo angasese, njengokuba inkcazelo yokuqhutywa kophengululo iyakuphicothwa ngokukodwa.
Isiqinisekiso sokuphengulula kufuneka sifumaneke kwigosa lenkundla (umantyi okanye ijaji). Amagosa agunyazisiweyo nawo anawo amalungelo okukhupha isiqinisekiso, kodwa akufanelekanga ukuba athabathe inxaxheba kuphando olunokuthi luqhutywe malunga nesiqinisekiso eso sifunekayo. Eli gosa kufanele lizimele kwaye lingathathi cala ukuze lenze isigqibo sokuba likhuphe isiqinisekiso sokuphengulula kusini na ngokobungqina obuphambi kwalo. Amagosa agunyazisiweyo anelungelo lokukhupha isiqinisekiso kwaye amagosa asebupoliseni akafanelanga kuthingaza ukusebenzisa lendlela ukufumana isiqinisekiso, ingakumbi ukuba akukho mantyi ufumanekayo. Isiqinisekiso esifunyenwe kumantyi kunye nesegosa eligunyazisiweyo ziyalingana ngokomthetho. Kubhetele ukuphengulula ngesiqinisekiso esikhutshwe ligosa eligunyazisiweyo kunokuphengulula ngaphandle kwesiqinisekiso.
Umsebenzi 5.3
imizuzu
Indawo yokuqwalaselwa
Umhlathi 5.5
Iinjongo
Qhuba ingxoxo ngale mibuzo ilandelayo.
Sebenzisa Isilayidi: Umsebenzi 5.3
Ungasifumana phi isiqinisekiso?
Ziziphi izinto ezifanele ukubakhona kwisicelo sesiqinisekiso?
Uphengululo kufanele luqhutywe nini?
Ufanele kukunikeza ikopi yesiqinisekiso sophengululo kumnini ndawo okanye kumhlali?
Shwankathela
Izinto ongazisebenzisa ngexesha ushwankathela
Sebenzisa Isilayidi: Ukuphengulula Nombolo 1
Sebenzisa Isilayidi: Ukuphengulula Nombolo 2
Amanqaku
Isahluko 5 iphepha 8
Isicelo sesiqinisekiso kufuneka siqulathe inkcazo eyenziwe phantsi kwesifungo ebonakaliso izizathu ezivakalayo ezibonakalisa ukuba-
Ulwaphulo-mthetho lwenziwe okanye beluzakwenziwa
Izinto ezithile zinxulumene nolwaphulo-mthetho okanye zingaba bubungqina bolwaphulo- mthetho; icandelo 20 le CPA; kwaye
Ezo zinto zigcinwe ngumntu okanye kwisakhiwo esithile
Isiqinisekiso sigunyazisa ukuphengululwa komntu okanye isakhiwo esithile kukhangelwa izinto ezithile.
Isiqinisekiso siyasixela esona sakhiwo esithile ekufuneka siphengululwe
Isiqinisekiso siyamxela oyena mntu ekufuneka aphengululwe (oku kungadibanisa nawuphina umntu ofunyenwe kwisakhiwo)
Isiqinisekiso kufuneka siqhutywe emini ngaphandle kokuba kugunyaziswe ngolunye uhlobo, emva kokuba ilungu libeke isizathu esivakalayo sokuba kutheni kufuneka siqhutywe ebusuku
Isiqinisekiso siyakuhlala sihleli de senziwe okanye sirhoxiswe ngumntu obesikhuphile okanye umntu onegunya elifanayo
Emva kokuba uphengululo lwenziwe, ikopi yesiqinisekiso kufuneka inikezwe umntu lowo othe amalungelo akhe achaphazeleka. Lo mntu uyakuba ngumnini ndawo okanye lowo uhlala kweso sakhiwo okanye lowo othe waphengululwa.
Isiqinisekiso kufuneka siqhutywe ngendlela leyo ekubhalwe ukuba masiqhutywe ngayo
Uphengululo kufuneka, ngokomthetho, luqhutywe umnini ndawo okanye lowo uhlala kweso sakhiwo ekhona
Amanqaku
Isahluko 5 iphepha 9
IZIPHUMO ZOPHENGULULO OLUNGEKHO MTHETHWENI
Indlela endilisekileyo abasemagunyeni abaya kuIndawo yokuqwalaselwa ngayo ulwaphulo olungekho mthethweni lwamalungelo omntu angasese ikwacaciswa kwizibonelelo kwicandelo 28 lomThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho. Eli candelo libonakalisa ukuba igosa lasebupoliseni elingasebenzi ngokwegunya lesiqinisekiso sokuphengulula, okanye eliphengulula okanye lithimbe lingagunyaziswanga okokuba likwenze oko, liyakufunyaniswa linetyala lolwaphulo-mthetho. Ixhoba lesisenzo singekho mthethweni nalo linelungelo lokumangalela ipolisa.
Icandelo 28 aliqukanisi izimangalo ekunokumangalelwa ngazo ilungu eliqhube uphengululo kunye nokuthimba okungekho mthethweni. Kuquka ulwaphulo-mthetho lomthetho ongabhalwanga, umzekelo, ukwenzakalisa, uhlaselo, ukonakalisa ipropati ngolunya kwanobusela.
Esinye isithintelo yinto yokuba icandelo 35 lomGaqo-siseko lichaza ukuba ubungqina obufunyenwe ngokwaphula ilungelo elizinzisiweyo kufuneka likhutshelwe ngaphandle kwetyala, ukuba ulwamkelo loko luyakwenza ukuba ityala libenomkhethe okanye lonakalise ulawulo lobulungisa. Oku kuthetha ukuba ubungqina obunjalo abusayi kwamkeleka enkundleni. Isiphumo soku ingaba kukukhululwa kommangalelwa.
UKUPHENGULULA NGAPHANDLE KWESIQINISEKISO: ICANDELO 22 LECPA
UmThetho kufanele ibe kukuphengulula ngesiqinisekiso. Njengokuba ukuphengulula nokuthimba kuqulathe ulwaphulo olunzima lwelungelo lomntu langasese, umthetho wokuba isiqinisekiso siyafuneka ukunikeza ukhuseleko olubalulekileyo nolusemthethweni.
Umsebenzi 5.4
imizuzu
Indawo yokuqwalaselwa
Umhlathi 5.6
Iinjongo
Injongo yalo msebenzi kukuxoxa ngeziphumo zokuphengulula okungekho mthethweni okanye ukuphengulula okudlula amagunya esiqinisekiso.
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Cela abafundi baphendule lemibuzo ilandelayo:
Sebenzisa isilayidi: Umsebenzi 5.4
Siyakuba yintoni isiphumo sophengululo olungekho mthethweni?
Ingaba inkundla iyakubamkela ubungqina obufumaneke kuphengululo olungekho mthethweni?
Fundela abafundi lomzekelo.
Umthetho wetyala
Kwityala lika S ephikisana noMayekiso no-Andere ngo-1996 ALL SA 121 (c) igosa eliphandayo langena kwindawo ehlala ummangalelwa wokuqala ngaphandle kwesiqinisekiso sokuphengulula lathimba izinto ezithile, kuqukanisa nezo eza zikwisingxobo esasisesommangalelwa wesithathu. Ummangalelwa wokuqala wavuma ukuba kuphengululwe indawo ahlala kuyo, kodwa kwakungekho bungqina bokuba ummangalelwa wesithathu wavuma ukuba isingxobo sakhe siphegululwe. Inkundla yagqiba kwelokuba izenzo zegosa eliphandayo kukwaphula kwangabom kwelungelo langasese lommangalelwa wesithathu. Inkundla yabuya yafumanisa ukuba akukho bungqina budibanisa izinto ezifunyenwe kwisingxobo sommangalelwa wesithathu kunye nolulwaphulo-mthetho nokuba injongo yegosa eliphandayo xa belithimba ezi zinto ibingenakuba kukuthintela ukutshatyalaliswa kobungqina.
Isahluko 5 iphepha 10
Ifuna into yokuba inkcazo ekhoyo ijongisiswe ngumntu ozimeleyo nothembakeleyo ekufuneka enze isigqibo sokuba ukukholwa kwelungu, ukuba ukuphengulula nokuthimba kunesizathu kwaye kulungile. Olu khuseleko, luyaphetshwa xa uphengululo lwenziwe ngaphandle kwesiqinisekiso kuze kunikeze isizathu sophengululo kwaye kungakwazeki ukufunyanwa kwesiqinisekiso sokuphengulula. Ngamanye amaxesha, kuye kungakwazeki ukuba makufunyanwe isiqinisekiso sokuphengulula, umzekelo, xa imeko ifuna isenzo esikhawulezileyo ukuqinisekisa ukuba ubungqina abusayi kutshatyalaliswa. Isibonelelo senziwe, umzekelo, icandelo 22 lomThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho ukuphengulula nokuthimba ngaphandle kwesiqinisekiso.
Eminye imizekelo apho ilungu lingaqhuba khona uphengululo ngaphandle kwesiqinisekiso
Xa kubanjwa
Amagosa asebupoliseni kufanele amphengulule umntu xa embamba. Oku kwenzeka ngaphandle kwesiqinisekiso kwaye kusemthethweni. Icandelo 23 leCPA libonelela ngokuphengululwa komntu obanjiweyo kunye nesakhiwo ukuba umntu ubanjwe phantsi kweemeko ezithile. Isizathu soku kukukhusela imeko, ukukhusela umntu obanjiweyo ukuze athinteleke ekuzenzakaliseni, ukuthintela imeko yokuba ipolisa okanye nawuphina umntu angahlaselwa, kwanokuzuza ubungqina ngomntu obanjiweyo.
Ukuvuma
Noxa iimfuneko zokwenza ngaphandle kwesiqinisekiso zifana nokwenza ngesiqinisekiso iinkundla ziwaphatha ngokwahlukeneyo lamatyala kwaye ziyakuqinisekisa ukuba zonke iimfuno zahlangatyezwa xa kwakusenziwa ngaphandle kwesiqinisekiso. Inkundla iyakuba ngqongqo ngoba umntu ozimeleyo akakhange abe ngomnye wabantu abathabatha isigqibo.
Umsebenzi 5.5
imizuzu
Indawo yokuqwalaselwa
Umhlathi 5.7
Injongo
Injongo yalo msebenzi kukuxoxa ngokuphengulula ngaphandle kwesiqinisekiso
Imibuzo neempendulo
Sebenzisa isilayidi: Umsebenzi 5.5
Lingaphengulula igosa lasebupoliseni ngaphandle kwesiqinisekiso, ukuba kunjalo, nini?
UmThetho wetyala
Icandelo 22 lomThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho:
Iimeko ezingabangela ukuba izinto zithinjwe kungekho siqinisekiso sokuphengulula
Ipolisa lingathi ngaphandle kwesiqinisekiso sokuphengulula liphengulule nawuphina umntu okanye isikhongozelo okanye isakhiwo ngeenjongo zokuthimba nayiphina into ekubhekiswa kuyo kwicandelo 20-
a Ukuba umntu uyaluvumela olu phengululo ukuze kuthinjwe into efunwayo, okanye ukuba umntu uyaluvuma uphengululo lwesikhongozelo okanye isakhiwo kunye nokuthinjwa kwento; okanye b Ukuba ngezizathu ezithile ukholelwa ukuba-
i isiqinisekiso sophengululo uya kusinikwa phantsi komhlathi a wecandelo 211 ukuba wenza isicelo sesosiqinisekiso; kwaye ii ukulibaziseka kokufumana isiqinisekiso kungaphanzisa iinjongo zophengululo
Isahluko 5 iphepha 11
AMANQAKU ANGOKUZIPHATHA KWAMAPOLISA NGEXESHA EPHENGULULA KWAYE ETHIMBA
Lonke uphengululo kwanokuthimba kufanele kuqhutywe kucingelwa isidima somntu. Oku kuthetha ukuba kufuneka uphathe abantu kunye nezinto zabo ngentlonipho kungenzeki monakalo ungafunekiyo kwaye kungabikho siphithiphithi. Umlinganiselo woku kukuba uphathe abanye abantu kunye nezinto zabo ngendlela ongathanda ukuphathwa ngayo nawe phantsi kwemeko efanayo. Oku kungqinelana noko kukwicandelo 10 lomGaqo-siseko. UmThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho ukwabonelela ngemigaqo eqinisekisa ukuba konke ukuphengulula nokuthimba kuyazanelisa iimfuneko zokuhlonipheka komntu (icandelo 29 lomThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho).
Ukuphengululwa komzimba kufanele kwenziwe ngasese, ukuba kuyakwazeka oko. Oku kuqinisekisa ukuba isidima somntu sikhuselekile. Ukuba akukho polisa elibhinqileyo lokuphengulula umzimba womfazi, ipolisa eliyindoda lingacela nawuphina umfazi eluntwini ukuba aphengulule umzimba walo mfazi.
Okubalulekileyo
Ukuphengululwa kwamalungu anqabileyo, oku kuthetha ukuphengulula amalungu omzimba angasese (indlela eya esizalweni, umva), kufuneka kwenziwe kuphela ngugqirha. Olu phengululo lungaqhutywa kuphela ukuba kukho isizathu esivakalayo ekukholelwa ukuba into ekubhekiswe kuyo kwicandelo 20 lomThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho ifihlwe kuloo ndawo emzimbeni womntu obanjiweyo.
Umsebenzi 5.6
imizuzu
Indawo yokuqwalaselwa
Umhlathi 5.8
Imibuzo kunye neempendulo
Cela abafundi ukuba baphendule le mibuzo ilandelayo:
Sebenzisa isilayidi: Umsebenzi 5.6
Ipolisa eliyindoda lingamphengulula obhinqileyo?
Xa kungekho polisa elibhinqileyo, kufanele lenzeni ipolisa eliyindoda?
Izinto ongazisebenzisa xa ushwankathela
Isilayidi: Ukuphengulula Nombolo 4
Icandelo 29 lomThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho
Icandelo 29 lomThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho
Uphengululo lwakhe nawuphina umntu okanye isakhiwo luyakuqhutywa kunanzwe intlonipho nocwangco, kwaye umfazi uyakuphengululwa ngumfazi kwaye ukuba akukho polisa lomfazi elikhoyo, uphengululo luyakwenziwa nangowuphina umfazi onyulwe ukuba enze oko.
Amanqaku
Isahluko 5 iphepha 12
UKUSETYENZISWA KWAMANDLA NGEXESHA KUPHENGULULWA KWAYE KUTHINJWA
Ipolisa elinokuphengulula ngokusemthethweni nawuphina umntu okanye nasiphina isakhiwo, okanye elingangena nakwisiphina isakhiwo ngeenjongo zokufumana ubungqina lingawasebenzisa amandla kangangokuba enokuthi afuneke ukoyisa ukuxhathisa okuthintela uphengululo nokungena (icandelo 27 leCPA). Oku kuthetha ukuba ipolisa lingasebenzisa amandla afunekayo phantsi kwalo meko. Ukuba akukho mfuneko yokusetyenziswa kwamandla, mawangasetyenziswa. Ungasebenzisa amandla afunekayo ukoyisa isoyikiso okanye ukuxhathisa.(icandelo 13 lomThetho wamaPolisa:amandla amancinane) (SAPS Act: minimum force)
Ukusetyenziswa kwamandla ukungena kwisakhiwo
Ngokwecandelo 27 lomThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho ipolisa lingasebenzisa amandla afunekayo ukungena kwisakhiwo ukuqhuba uphengululo. Phambi kokuba nawaphina amandla asetyenziswe ipolisa kufanele ngokuvakalayo libange ukungena kwaye linikeze isizathu sokuba kutheni lifuna ukungena. Ipolisa lingawophula umnyango okanye ifestile ukuze likwazi ukugena. Ukuba akukho mfuneko yokusebenzisa amandla, kufanele amandla angasetyenziswa konke.
Akukho sinxaxhi kulo mthetho. Ukuba ipolisa linesizathu sokukholelwa ukuba nayiphina into efanele ukuphengululwa ingatshatyalaliswa okanye ingalahlwa ukuba ibango lokungena lenziwe ngokuvakalayo kuqala kwaye isizathu sokungena sixelwe, ilungu lingasebenzisa amandla afunekayo. Oku kungenzeka xa into ekufuneka iphengululwe incinane kakhulu okanye ineziyobisi ezincinane ezinokuthi zitshatyalaliswe okanye zilahlwe, umzekelo, ngokuyihambisa kumbhobho wamanzi okanye ukuyiginya okanye ukuba ubomi bamalungu busengozini ukuba kunokuqonkqozwa, umzekelo, ukuba amalungu ayazi ukuba umntu ongaphakathi unompu. Esi sinxaxhi saziwa njengokuba ?ligatya lokungaqonkqozi?
Isahluko 5 iphepha 13
Ukusetyenziswa kwamandla ukuphengulula umntu
Icandelo 23 lomThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho ligunyazisa ipolisa ukuba liphengulule umntu obanjiweyo kwaye lithimbe nayiphina into ekwicandelo 20 leCPA, efumaneka kuye. Ukuba ukusetyenziswa kwamandla kuyafuneka, amandla alingeneyo angasetyenziswa. Imithetho esetyenziswa kuphengululo lwamalungu afihlakeleyo mayihlale ikhunjulwa.
UmThetho-siseko wamandla amancinane kufuneka usoloko ujongiwe. Ukuba akukho mandla afunekayo ukuthimba into makungasetyenziswa mandla.
Ukusetyenziswa kwamandla ukuphengulula izakhiwo ukuze kuthinjwe izinto
Icandelo 27 lomThetho weNkqubo yolwaPhulo-mThetho ligunyazisa ukusetyenziswa kwamandla ukuphumeza iinjongo ezimbini:
Ukungena kwisakhiwo ukuze kuqhutywe uphengululo
Ukuqhuba uphengululo
Amandla kufuneka asetyenziswe kuphela xa kukho ukuxhathisa nakhona njengecebo lokugqibela. Ukusetyenziswa kwamandla kuyakuba semthethweni kuphela ukuba uphengululo lusemthethweni. Khumbula, ukuba akukho mfuneko yokuba usebenzise amandla, musa ukuwasebenzisa.
Imizekelo: Akukho mfuneko yokophula idrowa ukhangela ibhayisikile. Akukho mfuneko yokophula isikhongozelo esingenisa ukukhanya apho into engaphakathi ibonakala ngokucacileyo.
Amanqaku ngophengululo nokuthimba
Phengulula kwindawo apho le nto uyifunayo ingafumaneka khona (Umzekelo: Umabona-kude akasokuze angene kwibhokisi yokugcina izihombiso).
Amanqaku
Isahluko 5 iphepha 13
Umsebenzi 5.7
imizuzu
Indawo yokuqwalaselwa
Umhlathi 5.9
Injongo
Injongo zalo msebenzi kukuxoxa ngokusetyenziswa kwamandla ukuphengulula isakhiwo ngeenjongo zokuthimba into.
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Cela abafundi ukuba baqhube ingxoxo ngoku kulandelayo:
Sebenzisa isilayidi: Umsebenzi 5.7
Ipolisa kufanele na ukuba lisebenzise amandla ukungena kwisakhiwo xa lizokuqhuba uphengululo?
Kufanele na ukuba ipolisa lisebenzise amandla ukuthimba into?
Xoxa ngale mithetho-siseko isetyenziswa xa kuphengululwa naxa kuthijwa
Shwankathela
Izinto onokuzisebenzisa xa ushwankathela
Sebenzisa isilayidi: Ukuphengulula Nombolo 3
Amanqaku ngophengululo nokuthimba?
Isahluko 5 iphepha 14
Uphengululo kufanele lwenziwe phakathi kokuphuma nokutshona kwelanga ngaphandle kokuba isiqinisekiso sichaza nto imbi.
Ubonelelo ngekopi yesiqinisekiso sophengululo emntwini ohlala kwesi sakhiwo xa eyicela,emva kokuba uphengululo lwenziwe
Iziqinisekiso zisetyenziswa kube kanye kuphela
Ukwaphulwa kwamalungelo omntu kufuneka kuncitshiswe ngokwemfuno yeemeko
Amandla angasetyenziswa kuphela xa kufuneka
Khumbula:
Ukuba injongo yomGaqo-Siseko ayikokuthintela uphando olululo lolwaphulo-mthetho, kodwa kukukhusela amalungelo oluntu abantu bonke.
IVIDIYO ENGOPHENGULULO NOKUTHIMBA
Kukho ividiyo yemizuzu elishumi ekhoyo ebonisa ?ngokuphengulula nokuthimba?
ISISHWANKATHELO / IMIBUZO
Athetha ukuthini amacandelo 12 no-14 omGaqo-Siseko ngokunxulumene nophengululo nokuthimba?
Kutheni kulungile ukuziqhelisa ukufumana isiqinisekiso sokuphengulula phambi kophengululo?
Yiyiphi inkcazelo ekufuneka iqulathwe sisiqinisekiso?
Yintoni isiphumo sophengululo olungekho mthethweni okanye uphengululo oludlula ugunyaziso?
Lingakwazi ipolisa ukuphengulula ngaphandle kwesiqinisekiso?
Kufanele lenze ntoni ipolisa phambi kokuba lisebenzise amandla ukungena nakwisiphina isakhiwo ngeenjongo zokuphengulula nokuthimba? Ingaba kukho ukunxaxha kulo mthetho?
Sihlala ixesha elingakanani sisenokusetyenzisa isiqinisekiso, kwaye singasetyenziswa amaxesha amangaphi?
Umsebenzi 5.8
imizuzu
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Bonisa ividiyo engophengululo nokuthimba
Okubalulekileyo
Icandelo elingophengululo nokuthimba lingaphambi kwawophando lolwaphulo-mthetho kwividiyo
Umsebenzi 5.9
imizuzu
Injongo
Injongo yalo msebenzi kukushwankathela leseshini nokuphendula nayiphina imibuzo engaba ikhona
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Emva kwevidiyo vumela ixesha lokuxoxa nokushwakathela
Le mibuzo inganceda ukukhokela le nkqubo
Isahluko 5 iphepha 15
IZILAYIDI
Ukuphengulula Nombolo1: Ilungelo langasese: Icandelo 14
Ukuphengulula Nombolo 2: Isicelo sesiqinisekiso sokwenza uphengululo
Ukuphengulula Nombolo 3: Amanqaku ngeziqinisekiso
Ukuphengulula Nombolo 4:Amanqaku ngophengululo nokuthimba
Umsebenzi 5.2
Umsebenzi 5.3
Umsebenzi 5.4
Umsebenzi 5.5
Umsebenzi 5.7
AMAXWEBHU ANEMVELAPHI YOLWAZI KUNYE NEZINYE EKUCETYISWA UKUBA ZIFUNDWE
Amanqaku
Isahluko 5 iphepha 16
ILUNGELO LANGASESE
Icandelo 14 lomGaqo-siseko:
Ngasese
Wonke umntu unelungelo langasese, eliqukanisa ilungelo lokungabina-
a kuphengululwa komzimba okanye ikhaya labo b kuphengululwa kwepropati yabo c kuthinjwa kwezinto zabo d ukwaphulwa kwelungelo langasese labo lonxulumano
Isilayidi: Uphengululo: Nombolo1
Isahluko 5 iphepha 17
ISICELO SESIQINISEKISO SOKUPHENGULULA
Isicelo sesiqinisekiso kufuneka siqulathe inkcazelo eyenziwe phantsi kofungo ibonisa izizathu zokukholelwa ukuba ?
Ulwaphulo-mthetho lwenziwe okanye luza kwenziwa;
Izinto ezithile ziyabandakanyeka kolu lwaphulo-mthetho luza kwenziwa okanye igaba bubungqina bokuba ulwaphulo-mthetho lwenziwe;
Ezi zinto zisemntwini othile okanye kwisakhiwo esithile
Isiqinisekiso siyalugunyazisa uphengululo lomntu lowo okanye eso sakhiwo ukufumana ezo zinto zifunwayo
Isilayidi: Uphengululo: Nombolo 2
Isahluko 5 iphepha 18
AMANQAKU NGEZIQINISEKISO
Isiqinisekiso siyakuxela isakhiwo emasiphengululwe
Isiqinisekiso siyakuxela umntu omakaphengululwe (oku kungaqukanisa nawuphina umntu ofunyenwe kwisakhiwo)
Isiqinisekiso siyakuqhutywa emini ngaphandle kokuba kugunyaziswe ngolunye uhlobo
Ikopi yesiqinisekiso kufuneka inikezwe umntu lowo amalungelo akhe athintekileyo, oyakuba ngumnini ndawo okanye umhlali apho kwisakhiwo
Isiqinisekiso kufuneka siqhutywe kanye ngohlobo esichazwe ngalo
Iziqinisekiso kufuneka zisetyenziswe kubekanye kuphela
Isilayidi: Uphengululo:Nombolo 3
Isahluko 5 iphepha 19
AMANQAKU NGOPHENGULULO NOKUTHIMBA
Phengulula kuphela kwindawo apho ungazifumana khona izinto.
Uphengululo kufuneka lwenziwe phakathi kokuphuma nokutshona kwelanga ngaphandle kokuba isiqinisekiso sichaza ngolunye uhlobo.
Nikezela ngekopi yesiqinisekiso sokuphengulula kumhlali apho kwisakhiwo xa eyicela, emva kokuba lwenziwe uphengululo.
Umhlali kufuneka esibonisiwe isiqinisekiso phambi kokuba uphengululo luqale, ukuba ukhona.
Uphengululo kufuneka ibe ngumThetho-siseko oqhutywa phambi komnini sakhiwo okanye komhlali.
Ulwaphulo lwamalugelo omntu kufuneka kuncitshiswe ngeyona ndlela njengokuba iimeko zifuna.
Amandla kufuneka asetyenziswe xa kukho imfuneko yoko.
Isilayidi: Uphengululo: Nombolo 4
Isahluko 5 iphepha 20
UMSEBENZI 5.2.
Dwelisa imizekelo yamalungelo anokuthi ancitshiswe ngokuphengulula nokuthimba.
Phonononga igatya lokunciphisa elikwiphepha 6 leencwadana zokusebenza uvavanye ukuba uphengululo nokuthimba kuyabonakala njengolwaphulo olunesizathu samalungelo omntu na.
Isilayidi: Umsebenzi 5.2
Isahluko 5 iphepha 21
UMSEBENZI 5.3
Ungasifumana phi isiqinisekiso?
Yiyiphi inkcazo ekufuneka ifakwe kwisicelo sesiqinisekiso?
Xoxa ukuba yintoni equlathwe sisiqinisekiso?
Lufanele ukuqhutywa nini uphengululo?
Ufanele kukubonelela umnini ndawo okanye umhlali ngekopi yesiqinisekiso sokuphengulula?
Isilayidi: Umsebenzi 5.3
Isahluko 5 iphepha 22
UMSEBENZI 5.4
Siyakuba yintoni isiphumo sophengululo olungekho mthethweni?
Ingaba inkundla iyakubamkela ubungqina obufunyenwe kuphengululo olungekho mthethweni?
Isilayidi: Umsebenzi 5.4
Isahluko 5 iphepha 23
UMSEBENZI 5.5
Lifanele ipolisa ukuphegulula ngaphandle kwesiqinisekiso na?
Isilayidi: Umsebenzi 5.5
Isahluko 5 iphepha 24
UMSEBENZI 5.6
Kufanele na ukuba ipolisa eliyindoda liphengulule umfazi?
Ukuba akukho polisa libhinqileyo, kufanele lenze ntoni ipolisa eliyindoda?
Isilayidi:Umsebenzi 5.6
Isahluko 5 iphepha 25
UMSEBENZI 5.7
Kufanelekile na ukuba ipolisa lisebenzise amandla ukungena kwisakhiwo ukuze liqhube uphengululo?
Kufanelekile na ukuba ipolisa lisebenzise amandla ukuthimba ipropati?
Isilayidi: Umsebenzi 5.7
ISAHLUKO 7
AMALUNGELO OLUNTU NOCWANGCO
Isahluko 7 iphepha 1
ISIQULATHO
AMALUNGELO OLUNTU NOCWANGCO
Uyilo lwesifundo
Iinjongo
Intshayelelo
Ukusetyenziswa kakubi kwamalungelo oluntu kwanocwangco
Ukusilela kwepolisa ukuhlonipha amalungelo oluntu
Kufuneka lenze ntoni ipolisa xa libona elinye ipolisa lingahloniphi amalungelo oluntu
UmThetho-siseko wobulungisa nokulingana
Inyathelo lolawulo elilungileyo
Isishwankathelo / Imibuzo
Izilayidi
Incwadana ekhutshwayo
Isahluko 7 iphepha 1
AMALUNGELO OLUNTU NOCWANGCO
Isiqulatho Izinto zokwenziwa Ixesha
Iinjongo Umsebenzi 7.1 Funda iinjongo 2
Intshayelelo Umsebenzi 7.2 Ividiyo, 20
ingxoxo
Ukusetyenziswa Umsebenzi 7.3 25
kakubi kwamalungelo Ingxoxo yeqela oluntu nocwangco
Ukusilela kwepolisa ukuhlonipha amalungelo oluntu
Kufuneka lenze ntoni ipolisa xa libona elinye ipolisa lingahloniphi amalungelo oluntu?
xa ipolisa okanye ilungu loluntu Umsebenzi 7.4: Ingxoxo 10
UmThetho-siseko wobulungisa nokulingana
Inyathelo lolawulo elilungileyo
Isishwankathelo / Imibuzo Umsebenzi 7.5:Imibuzo, 3
ingxoxo
Isahluko 7 iphepha 3
IINJONGO
Emveni kokugqiba esi sahluko abafundi kufuneka bazi kwaye bachaze ?
Ukuba kungenzeka ntoni ukuba ipolisa lisebenzisa amalungelo oluntu kakubi;
Ukuba kufuneka lenze ntoni ipolisa xa libona ubani esebenzisa amalungelo oluntu kakubi
UmThetho-siseko wobulungisa nokulingana
INTSHAYELELO
AmaLungelo oluNtu ngawomntu wonke eMzantsi Afrika, kuqukanisa namapolisa. Lonke ilungelo lihamba noxanduva. Olunye loxanduva lwamalungu eNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika , njengokuba lenkonzo inxenye yombuso, ikukuhlonipha nokukhusela isidima soluntu nokugcina amalungelo omntu wonke. Kukwakho uxanduva kumapolisa lokukhonza umphakathi nokuqhuba imisebenzi yabo ngendlela yocwangco ngobuchule..
UKUTHATHWA KAKUBI KWAMALUNGELO OLUNTU NOCWANGCO
Ukuphelisa ulwaphulo-mthetho eMzantsi Afrika ngokupheleleyo ngaphandle kokwaphula amalungelo oluntu kufuna inkonzo yamapolisa enocwangco. Ukophulwa kwamalungelo oluntu ngamapolisa kubonwa njengokona kuziphatha kakubi kwaye kuyakohlwaywa kakhulu.
Imizekelo yolwaphulo lwamalungelo oluntu-
ukubamba ngokungekho mthethweni;
ukuvalela ngokungekho mthethweni;
ukuthuthumbisa ukuphatheka ngokungena buntu kwabantu ababanjiweyo kwa nabavalelweyo ukuphatheka kakubi kwabakhalazi kwanamaxhoba
Umsebenzi 7.1
imizuzu
Indawo yokuqwalaselwa
Umhlathi 7.1
Iinjongo
Imbangi yokuba kwenziwe lomsebenzi kukubonelela ngeenjongo zaleseshini
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Fundela abafundi iinjongo
Babuze ukuba bayaziqonda na iinjongo
Cacisa ukuba kukho imfuneko
Umsebenzi 7.2
imizuzu
Indawo yokuqwalaselwa
Umhlathi 7.2
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Cela abafundi ukuba bafunde icandelo 7 lomGaqo-siseko, incwadi yokusebenza, iphepha 5 baxoxe ngentsingiselo yalo
Phambi kokuba ubonise ividiyo xelela abafundi ukuba bajonge ividiyo becinga ngokwaphulwa kwamalungelo oluntu. Kufuneka bacinge okokuba olulwaphulo luyakuba nasiphumo sini na kucwangco nakwindima yabaphathi bamapolisa eSAPS.
Bonisa ividiyo engo- ?Cwangco/Abaphathi bamaPolisa nabaLawuli?
Emva kwevidiyo buza abafundi ngabanye ukuba bacinga ntoni ngokuqulathwe yividiyo malunga namalungelo oluntu nomsebenzi wobupolisa.
Izinto ezinokusetyenziswa
Sebenzisa isilayidi: Ucwangco Nombolo 1
Amalungelo: Icandelo 7 lomGaqo-siseko
Umbuso kufanele uhloniphe, ukhusele, wenyuse kwaye uzalisekise amalungelo omThetho wamaLungelo oYilwayo.
Isahluko 7 iphepha 4
Ukuphengulula nokuthimba okungekho mthethweni
Ukusebenzisa amandla agqithisileyo
Iindlela zokuphanda ezingekho mthethweni
Ukuba ipolisa liyazi okanye libone ukusetyenziswa kwamalungelo oluntu kakubi ze liphanze ukwenza nto ngaloo nto; kunye
Ukufihla ulwaphulo-mthetho
Ukuphanza kwepolisa ukuhlonipha amalungelo oluntu kunganezi ziphumo zilandelayo:
Ubungqina obufumaneke ngenxa yolwaphulo lwamalungelo oluntu bungangasetyenziswa into engenza ukuba onetyala afunyaniswe engenatyala
Ipolisa elo liyakohlwaywa
Ipolisa lingatshutshiswa ngolwaphulo-mthetho
Ukugxothwa okukhawulezileyo (bona icandelo 36 lomThetho wamapolisa (SAPS Act): Ukuba isigwebo sokuvalelwa sibekiwe ngaphandle kwesohlwayo)
Amabango oluntu abhekiselele kuRhulumente
Ukungavikelwa ngumBuso xa utshutshiselwa ulwaphulo-mthetho (ukumelwa ligqwetha) ( loo nto ithethe ukuba ipolisa liya kuzibonela ukuba lizivikela njani na)
Ukungavikelwa ngumThetho kumabango oluntu loo nto ithethe ukuba ipolisa kuyakufuneka libhatele zonke iindleko zomthetho, nomonakalo
Ukumela izenzo zakhe eluntwini
Amapolisa aphezulu aya kubekwa ityala lokwaphula amalungelo oluntu ukuba ebesazi, okanye efanele ukwazi ngokwenzeka kwawo aza akenza nto
Amapolisa afanele ukukhuselwa kutshutshiso okanye ukohlwaywa ngokwala ukuthatha imiyalelo engekho mthethweni esuka kwaba baphetheyo
Ukuthobela imiyalelo evela kwabaphetheyo akusayikuba luvikelo lolwaphulo-mthetho olwenziwe lipolisa
Umsebenzi 7.3
imizuzu
Indawo yokuqwalaselwa
Umhlathi 7.3
Iinjongo
Injongo yalo msebenzi kukwenza amapolisa ukuba acinge ngokwaphulwa kwamalungelo oluntu ngamapolisa nokuxoxa ngeziphumo zolo lwaphulo
Intshayelelo: 1 umzuzu
Iingxoxo ngamaqela: 10 imizuzu
Ingxelo: 10 imizuzu
Ingxoxo: 4 imizuzu
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Yahlula abafundi babengamaqela angadluli kwisihlanu
Bonisa isilayidi: Ucwangco Nombolo 1: Ukusetyenziswa kakubi kwamalungelo oluntu
Cela iqela ngalinye ukuba lenze oku kulandelayo: (Sebenzisa isilayidi: Umsebenzi 7.3)
Bhala ukuba kufuneka ipolisa lenze ntoni xa libona ukuphathwa kakubi kwamalungelo oluntu
Izinto ezinokwenzeka xa ipolisa linokophula amalungelo omntu
Cela iqela ngalinye ukuba linike umzekelo wento efanele ukwenziwa lipolisa. Buza onke amaqela ade onke amaqela abe aphendule. Phinda oku ngokunokuthi kwenzeke
Phetha ngengxoxo
Shwankathela
Izinto ongazisebenzisa ngexesha ushwankathela
Isilayidi: Ucwangco Nombolo 1
Isilayidi: Ucwangco Nombolo 2
Isahluko 7 iphepha 5
Yintoni ekufanele ipolisa liyenze xa libona elinye ipolisa lisaphula amalungelo oluntu?
Ipolisa kufanele ?
Linqande (limenze ayeke into ayenzayo) lixelele ipolisa ukuba into eliyenzayo ayilunganga
Lisixele esi sehlo kumphathi wakhe okanye nakuwuphina omnye umntu ophetheyo;
Lisixele esi sehlo kwi-ofisi yocwangco
Ukwaphulwa kwamalungelo oluntu kungaphelela kusohlwayelwa.
Uphando kufuneka lukhawuleze, lucokiseke, lungakhethi buso. ( Akukho sidingo sokuba kulindelwe ukuba uphando lolwaphulo-mthetho ukuba lugqitywe)
Uphando luyakukhangela, amaxhoba, lufumane kwaye lugcine ubungqina, lufumane amangqina, lifumanise unobangela, indlela, indawo kunye nexesha lolwaphulo, lifumane kwaye libambe abenzi.
Iyakwenza ntoni i-ICD xa ipolisa okanye ilungu lomphakathi lifaka isikhalazo kuyo?
I-ICD inokuwuphanda lo mcimbi, ingakumbi loo matyala adibene nokufa kwabantu eluvalelweni okanye ngenxa yento eyenziwe ngamapolisa. I-ICD isenokuwugqithisela emapoliseni loo mcimbi ukuba bawuphande baze bona bajonge inkqubo ngeliso elibukhali. Ukugqitywa kophando i-ICD isenokunikeza iingcebiso zokuba kubekwe ityala lolwaphulo-mthetho kusini na okanye kuthatyathwe amanyathelo okohlwaya kuphela kwelopolisa.
Amanqaku
Okubalulekileyo
Isahluko 7 iphepha 6
Ukwakha ukuthembeka kwenkonzo yobupolisa ne-ICD eluntwini ekuphatheni ulwaphulo-mthetho?
Ukunikeza indlela yoluntu ukuba luthabathe inxaxheba ekuphathweni kwezikhalazo
Ukususa ukugxekwa kwamapolisa ngokungafanelekanga
Ukwahlukanisa loo malungu aphambukayo kwinkonzo yobupolisa
Ukuncedisana namapolisa kwinzame zawo zokuguqula inkonzo yawo nokuzama ukufumana ukuhlonipheka eluntwini
Ukuzama ukwenza iinguqu kwinkonzo ukuze ikwazi ukufumana intlonipho kuluntu ngokunqanda ulwaphulo-mthetho
Ukuvikela ukuziphatha okungekuko kumapolisa
Ukucalula izikhalazo ukufumana iinkathazo ezimana ukwenzeka emsebenzini wamapolisa,
Ukubonelela amapolisa ngezoxwayiso kwiinkathazo okanye kumagosa
Ukubonelela ngezixwayiso zeengxaki ezithi zivuselele izikhalazo
Ukuphathwa kwezikhalazo ezingamapolisa ngokufanelekileyo nokungenamkhethe
Umsebenzi 7.4
imizuzu
Indawo yokuqwalaselwa
Umhlathi 7.3
Injongo
Injongo yalo msebenzi kukwenza amapolisa acinge ngendima ye-ICD ukuqinisekisa ukuba amapolisa ayawaxhasa amalungelo oluntu.
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Cela abafundi ukuba baphendule lemibuzo ilandelayo:
Sebenzisa I-isilayidi: Umsebenzi 7.4
Ngoba?
Shwankathela.
Izinto ezinokusetyenziswa xa kushwankathelwa
Isahluko 7 iphepha 7
UMTHETHO-SISEKO WOBULUNGISA NOKULINGANA
INKCAZELO YABAQEQESHI
Xa kuqhutywa uphando lolwaphulo, uphando kufuneka lukhawuleze, lucokiswe, lube nobuchule, lungakhethi buso. Esi sisiseko sesenzo solawulo lobulungisa. Isenzo solawulo lobulungisa Icandelo 6, Uluhlu 232 lomGaqo-siseko.
Wonke umntu unelungelo lo:
a isenzo solawulo olusemthethweni apho nawaphina amalungelo abo athintekayo okanye aphantsi koloyikiso b isenzo solawulo olusemthethweni apho amalungelo abo neminqweno ithintekayo c banikezwe izizathu ezibhaliweyo zesenzo solawulo oluthinta amalungelo abo ngaphandle kokuba eso senzo senziwe esidlangalaleni d isenzo solawulo esinesizathu ngokweso esinikezwe kumalungelo abo athintekayo
Ubulugisa obukhulu
Oku kuthetha ukuba kufanele kubekho isizathu esivakalayo ngokwesenzo esithatyathwayo solawulo (umzekelo, ukunqunyanyiswa, ukohlwaywa, ukusiwa kwenye indawo, ukonyuselwa, kanjalo)
Inkqubo yobulungisa
Oku kuthetha ukuba sonke isenzo solawulo kufuneka sihambe ngokwenkqubo eyiyo. Oku kuthetha ukuba imithetho yezobulungisa kufuneka ilandelwe. Nantsi imithetho:
Oku kuthetha ukuba ipolisa kufuneka libonelele ngayo yonke into eyenzekileyo engumonakalo
Anikwe ixesha elaneleyo lokulungiselela ityala lakhe
Anikwe ithuba lokuvakalisa elakhe icala
Aziswe ngokupheleleyo ngesizathu sesenzo solawulo
Isahluko 7 iphepha 8
Oku kuthetha ukuba igosa likaRhulumente kufuneka lenze ;
Ngokungathathi cala
Ngokufanelekileyo
Ngokungena-mkhethe
ISISHWANKATHELO / IMIBUZO
Kutheni ucwangco lubalulekile kwiSAPS?
Ingaba uqeqesho ingayenye yendlela zokulungisa ulwaphulo lwamalungelo oluntu?
Biza iindlela ozaziyo zolwaphulo lwamalungelo kwiSAPS
Kufanele lenze ntoni ipolisa xa libona ulwaphulo lwamalungelo oluntu
Yintoni engenzeka kwipolisa elaphula amalungelo?
IZILAYIDI
Imizekelo yolwaphulo lwamalungelo oluntu: Ucwangco Nombolo 1
Ukungahloniphi amalungelo oluntu kunganezi ziphumo zilandelayo: Ucwangco Nombolo 2
Umsebenzi 7.3
INCWADANA EKHUTSHWAYO
Incwadana 7.1
Amanqaku
Umsebenzi 7.4
imizuzu
Injongo
Injongo yalo msebenzi kukushwankathela iseshini nokuphendula imibuzo engekaphendulwa
Inqaku lomntu onikeza isifundo
Imibuzo inganceda kwinkqubo nokufumanisa ukuba ziziphi izinto ezingekaxoxwa.
Isahluko 7 iphepha 9
Ukubamba ngokungekho mthethweni;
Ukuvalela ngokungekho mthethweni;
Ukuthuthumbisa
Ukuphatheka ngokungena buntu kwabantu ababanjiweyo kwanabavalelweyo
Ukuphatheka kakubi kwabakhalazi kwanamaxhoba
Ukusetyenziswa kwamandla ngokugqithisileyo
Iindlela zophando ezingekho mthethweni
Ukuba ipolisa liyazi okanye libone ukophulwa kwamalungelo oluntu kodwa lingenzinto ngoko
Isilayidi: Ucwangco Nombolo 1
Isahluko 7 iphepha 10
UKUNGAHLONIPHI AMALUNGELO OLUNTU KUNGANALE MIPHUMELA ILANDELAYO:
Ubungqina obufumaneke ngenxa yolwaphulo lwamalungelo oluntu bungangasetyenziswa into engenza ukuba onetyala afunyaniswe engenatyala
Ipolisa elo liyakohlwaywa
Ukugxothwa okukhawulezileyo (bona icandelo 36 lomThetho wamapolisa (SAPS Act): Ukuba isigwebo sokuvalelwa sibekiwe ngaphandle kwesohlwayo)
Amabango oluntu abhekiselele kuRhulumente
Ukungavikelwa ngumBuso xa utshutshiselwa ulwaphulo-mthetho ukumelwa ligqwetha loo nto ithethe ukuba ipolisa liyakuzibonela ukuba lizivikela jani
Ukungavikelwa ngumThetho kumabango oluntu loo nto ithethe ukuba ipolisa kuyakufuneka libhatele zonke iindleko zomthetho, nomonakalo
Ukumela izenzo zakhe eluntwini
Isilayidi: Ucwangco Nombolo 2
Isahluko 7 iphepha 12
UMSEBENZI 7.4
Ngoba?
Isilayidi: Umsebenzi 7.4
Isahluko 7 iphepha.11
UMSEBENZI 7.3
Kufanele lenze ntoni ipolisa xa libona ulwaphulo lwamalungelo oluntu?
Yintoni engenzeka xa ipolisa lisaphula amalungelo oluntu?
Isilayidi: Umsebenzi 7.3
